Abadlali boMzantsi Afrika bevuyela elinye alamagowuli ababethe ngawo iBenin emdlalweni obuseMoses Mabhida Stadium. Umfanekiso: Safa
Luchulumanco lodwa enkampini yaBafana Bafana emva kokuba bephumelele ngempelaveki egqithileyo. ABafana Bafana bayiqale kakuhle indlela eya kwitumente yehlabathi ngokubetha iBenin ngamagowuli amabini kwelinye emdlalweni obuseMoses Mabhida Stadium ngoMgqibelo odlulileyo.
UMzantsi Afrika uthe ngcu kwindawo yokuqala kuGroup C emva kokuba uphumelele ngamagowuli afakwe nguPercy Tau noKhuliso Mudau. Kwelinye icala, iZimbabwe ibambene neRwanda.
Ethetha neentatheli emva komdlalo, uHugo Broos uvakalise uchulumanco yindlela iqela lakhe elidlale ngayo – kodwa wavuma ukuba bekunzima. “Ndonwabile ngoba sikwazile ukuphumelela umdlalo,” utshilo uBroos, ozama ukubuyisela uMzantsi Afrika kwitumente yehlabathi owayigqibela ngo2010.
“Umdlalo ubunzima – kodwa kuhle ngoba benditshilo phambi komdlalo ukuba iBenin idlala ibhola ecacileyo. Ikhabela ibhola phambili kwaye iyayilwela xa ingekho kuyo.
“Sibenayo ingxaki kwisigaba sesibini emva kokuba iBenin ifake igowuli,” utshilo umqeqeshi. Kubekho ixhala xa iBenin ifumana igowuli ngoba aBafana Bafana banomkhwa ombi wokubethwa emidlalweni ebalulekileyo.
Kunyaka ophelileyo babethwe yiGhana ukuze bangayi eQatar, kwitumente yehlabathi ngo2022. Emva kwemidlalo yokuqala kuGroup C, kubalulekile ukuba uMzantsi Afrika uye kwiRwanda unenjongo yokuphumelela ukuze uhlale phezulu. “Kubekhona ukubhuduzela esikwenzileyo emva kokuba iBenin ifake igowuli.
“Ewe, yona ifumene ithuba elinye. Thina besinamanzi ebekufanele ukuba siwasebenzisile,” utshilo uBroos. Emva kokwamkela iwonga, uTau waleke umsundulo ngelithi umdlalo ubumhle ngoba bafumene amanqaku amathathu.
“Kuhle ukufumana amagowuli amathathu noxa bekumele ukuba senze umsebenzi ongcono. Siya eRwanda sizithembile – kodwa kufuneka sichule ukunyathela. Umdlalo uza kuba nzima. Okubalulekileyo kukuzama amanqaku apheleleyo,” utshilo uTau. UMzantsi Afrika uza kudibana emdlalweni wesibini neRwanda ngomso (uLwesibini).