Ezemidlalo

iMamelodi Sundowns ziintshatsheli zokuqala zeAfrican Football League!

Pedro Mapelo|Published

iMamelodi Sundowns ziintshatsheli zeAfrican Football League zokuqala. Umfanekiso: ©Muzi Ntombela/BackpagePix

iMamelodi Sundowns ziintshatsheli zeAfrican Football League zokuqala. Umfanekiso: ©Muzi Ntombela/BackpagePix

Embalini yebhola ekhatywayo yezwekazi le’Afrika, iMamelodi Sundowns ziintshatsheli zokuqala zeAfrican Football League. Oku kwenzeke emva kokuba iSundowns iguqise phantsi iWydad Athletic Club ngamagowuli amabini eqandeni emdlalweni wokugqibela weAfrican Football League obubanjelwe eLoftus Stadium namhlanje emalanga. Kuye kwanyanzeleka ukuba iSundowns isebenzele ukuwuphumelela umdlalo wanamhlanje ngoba iWydad ibiphumelele ngo’2-1 emdlalweni wokuqala eMorocco kwiveki ephelileyo.

Iyenzile lo nto ngoba abadlali beWydad bangene emdlalweni wanamhlanje injongo yabo ikukukhusela amagowuli abawafumene ekhayeni labo. Kanti iSundowns idlale ibhola yayo yesiqhelo – kodwa inenjongo yokuphumelela indebe ekhatshwa yiR75,6-million. Umdlalo ubusemgangathweni ophezulu eLoftus Stadium ebimumathe abalandeli abangaphaya kwamashumi amahlanu amawaka.

URulani Mokwena ubuyise iifolosi zakhe ezifana noPeter Shalulile noLucas Ribeiro ebezinexesha elide zingadlali ngenxa yokonzakala. Lo nto imsebenzele ngoba igowuli lokuqala lize noShalulile phambi kokuphela kwesiqingatha sokuqala somdlalo. Ukungena kwegowuli ibe kukuphasalaka kwezinto zeWydad ebidlalela ukuba kungafakwa gowuli kuyo endaweni yokuzama ukuba ifake igowuli.

Kwisigaba sesibini, iSundowns inyuse umxakatho ngoba ibingxamele ukufaka igowuli lesibini lokuqinisekisa impumelelo yayo. UThemba Zwane, Aubrey Modiba noMarcello Allende ngabona badlali abenze idemesha esiswini. Phakathi kwisigaba sesibini, uModiba ufake igowuli lesibini leSundowns emva kwempazamo eyenziwe ngabadlali beWydad emva. Umdlalo uphele iSundowns inamagowuli amabini.

Le yeyona mpumelelo inkulu kaRulani Mokwena njengomqeqeshi emva kokunikwa umsebenzi omkhulu ngabaphathi beSundowns kunyaka ophelileyo. Njengesiqhelo, abadlali beSundowns kulindeleke bavale unyaka bebahle ezipokothweni ngenxa yeebhonasi. Impumelelo yeSundowns ilandela emva kweyaMabhokobhoko abuyele ekhaya ephethe iNdebe yeHlabathi kwiiveki ezigqithileyo. Ukutshatshela kwayo iSundowns kubuyisa isidima sebhola yaseMzantsi Afrika kwibhola ekhatywayo kwizwekazi le’Afrika iphela.