Ezemidlalo

UKomphela uchwayitile emva kwempumelelo yeMoroka Swallows izolo

Pedro Mapelo|Published

Umqeqeshi weMoroka Swallows, uSteve Komphela, uvakalise uchulumanco olukhulu emva kokuba iqela lakhe lizuze amanqaku abalulekileyo emdlalweni wayizolo. Iizinyoni zaseDube ziquthise iTS Galaxy ngegowuli elinye eqandeni emdlalweni weDStv Premiership obubanjelwe eDobsonville Stadium ebusuku izolo.

Igowuli ephumelele ngalo iSwallows lifakwe nguKeenan Phillips odlala emva kwicala lasekunene ebaleni. UKomphela ubaqhwabele izandla iqela lakhe watsho esithi lisekhondweni elihle emva kokuba linyukele kwindawo yesihlanu emva komdlalo wayizolo. Isathe chu kakuhle kule isizini iSwallows phantsi kukaKomphela ofike phambi kokuqala kwesizini eqhubekayo.

Emidlalweni yeDS Premiership eyidlalileyo, iSwallows iphumelele imidlalo emihlanu. Ibethwe kwemibini, yadlala ntanganye kwemibini imidlalo – kodwa okuhle kukuba inamanqaku alishumi elinesixhenxe. UKomphela uthi indlela iqela eliqokelela ngayo amanqaku kule sizini iyamkholisa.

“Sesiqokelele ishumi elinesixhenxe lamanqaku emva kwemidlalo elithoba. Ukufumana kwethu amanqaku amathathu emdlalweni olandelayo kwakuthetha ukuthi sifumene amashumi amabini amanqaku emidlalweni elishumi. Yile nto besike sathetha ngayo leyo kutshanje,” utshilo uKomphela emva komdlalo.

“Omnye umntu ebekhe wandibuza ukuba siqhube njani. Ndiye ndambonisa indlela esiyilungiselele ngayo isizini ingekaqali nezinto esifuna ukuzenza emdlalweni ngamnye. Akukho nto embi njengokuxhomekeka emidlalweni engekadlalwa. Kuyenza ukuba ungafumani nenqaku elinye kuyo yonke. Esikulwelayo ngoku kukuba masifumane amanqaku apheleleyo emidlalweni esiyidlalayo,” utshilo uKomphela.

Okwenzeka kwiSwallows kuhle kakhulu ngoba ayikho semngciphekweni wokuthotyiselwa njengakwiisizini egqithileyo. Enye into eyenza idlale ngcono kukuba inomqeqeshi onamava nabadlali abasemgangathweni ophezulu kuneesizini ezigqithileyo. iSwallows iza kudibana nePolokwane emdlalweni olandelayo.