Umdlali osaze ngobuso ezweni, uPhilasanda Manqele, uzenzele igama elihle emdlalweni wakhe wesibini angasoze awulibale ebomini bakhe. Emalanga namhlanje, uManqele uncede iRichards Bay ebethe i’Orlando Pirates ngo’5-4 ngamapenela emdlalweni weCarling Kockout Cup ophele ebambene eMoses Mabhida Stadium. UManqele, 20, uvale ipenela kaDeon Hotto eyenze umahluko emva kokuba kude kwaphela umdlalo kungekho qela elikwazileyo ukubhalisa ebhodini kwade kwayiwa kwixesha elongezelelweyo likasompempe.
Kanti emdlalweni, ikwa ngunozinti weRichards Bay oye wangumqobo endleleni yePirates ngokuthintela iibhola ezimbi. Ukuphumelela kweRichards Bay ziindaba ezimnandi ngoba iza kufumana amandla okuya kweminye imidlalo emva kokungaqhubi kakuhle emidlalweni yeDStv Premiership. Zithe xibilili izibilini kuKaitano Tembo obengagxothwa nanini ngenxa yeziphumo ezingancumisiyo ezifunyenwe yiRichards Bay kule sizini eqhubekayo.
Njengesiqhelo, ibhola ilawulwe yiPirates emdlalweni phantse kuzo zozibini izigaba zomdlalo. IPirates izamile ukudala amathuba emdlalweni. Kodwa kude kwaphela umdlalo ingakwazanga ukuwasebenzisa. Abadlali abanamava abafana noKermit Erasmus, Evidence Makgopa noMonnapuleng Saleng bazamile ukunkqonkqoza ezipalini zeRichards Bay – kodwa ngelishwa labo, bafike uPhilasande Manqele evale onke amazibuko.
Kwelinye icala, iRichards Bay nayo ikwazile ukudala amathuba aliqela isebenzisa abadlali abafana noBoikanyo Komane, Abel Mabaso noYanela Mbuthuma obeyinkathaza kubadlali bePirates basemva abafana noThapelo Xoki noNkosinathi Sibisi. Emva kokuphela komdlalo kungeko qela elifumene igowuli, usompempe uwase kumapenela amaqela omabini. Bekukho ithemba kwabePirates ngoba ibibethe iMamelodi Sundowns ngawo kwitumente yeMTN8.
Kulapho uManqele, osengumfundi okwibanga leMatriki, azenzele igama watsho waliqhawe leRichards Bay edlulela kumjikelo olandelayo wendebe yeCarling Knockout ekhatshwa zizigidi zerandi ezithandathu. Ukubethwa kwePirates kunokwenzeka kudale inkxalabo kancinci kubalandeli bayo ngoba inemidlalo eliqela ngoku ingaphumeleli, ngakumbi oko ithe yaphumelela iMTN8 kwinyaka yeDwarha. Nakubeni kunjalo, iza ngoku kufunama ithuba lokuphucula iziphumo zayo emidlalweni weDStv Premiership.