Emva kokudlala kakuhle phakathi evekini, uMzantsi Afrika uza kudlala owona mdlalo onzima kwitumente yehlabathi yalo nyaka. URassie van der Dussen uthe iProteas mayiye kwi-India isazi ukuba yakhe yayibethela kwitumente yehlabathi egqithileyo. Oku ukuthethe uVan der Dussen emva kokuba uMzantsi Afrika ubhulele amasaka iNew Zealand ngemitsi elikhulu elinamashumi alithoba (190). Ngumdlalo iNew Zealand ezikhande ngenyheke etyeni kuwo ngokuvumela uMzantsi Afrika ebaleni ukuze uqhokre ibhola kuqala.
Ungene wenza amakhulu amathathu anamashumi amahlanu anaesixhenxe (357-4) kuwe oothinti abane kuphela. Yona iNew Zealand iye yakhutshwa yonke nguMzantsi Afrika yenze imitsi elikhulu elinamashumi amathandathu anesixhenxe (167) kuphela. Abadlali boMzantsi Afrika abaphambili emdlalweni yeqakamba bazibalule kwakhona. UVan der Dussen uphume efumene ikhulu elinamashumi amathathu anesithathu (133) emitsi. Emva kwakhe kuye kwalandela uQuinton de Kock ophume ebaleni enekhulu elineshumi elinane (114).
Onmye umdlali ozibaluleyo nguKeshay Maharaj owise amadoda amane. Nakubeni uMzantsi Afrika uneminyaka ungaqhubi kakuhle kwiitumente zehlabathi – kodwa kulo unyaka, uzimisele ngamandla. Ukhuthazwa ngakumbi ngabadlali beSpringbok ababuye neNdebe yeHlabathi okwesibini amatyeli elandelelana. Akululanga ukudibana ne-India edlalela ekhaya njengoosotheko ngenxa yabalandeli bayo abaninzi kakhulu. Onye wabadlali abaphambili kwiProteas, uVan der Dussen, uthe uMzantsi Afrika kufuneka ukhumbule ukuba wakhe wayibetha i-India.
“Ukudlala ne-India ebaleni layo yinto enkulu kakhulu. Idlale kakuhle kuyo yonke imidlalo yayo kwaye ayikabethwa. Kodwa siza kuya emdlalweni sisazi ukuba siqhube kakuhle, siza kuba nethuba elihle lokuya phambili kule tumente,” utshilo uVan der Dussen. “Sikhe sadlala nayo i-India futhi sayibethela kowayo. Nakubeni lo mdlalo ingowetumente yehlabathi – kodwa akukho mahluko. UMzantsi Afrika kufuneka uzimisele kuzo zonke iindawo emdlalweni wangeCawe ngoba ngumdlalo obalulekileyo kakhulu. UTemba Bavuma ufumene amazwi enkuthazo kuSiya Kolisi obekhokele iSpringbok esitshatsheleyo kwitumente yombhoxo.