Ezemidlalo

URiveiro uphawula ngokubethwa kwePirates kwiDStv Premiership

Pedro Mapelo|Published

Izinto aziyihambeli kakuhle i’Orlando Pirates emidlalweni yeDStv Premiership kwaye ukugqwidiza kwayo kubaxhalabisile abalandeli bayo. Noxa ikwazile ukuphumelela iMTN8 kwinyanga ephelileyo futhi isekhondweni lokuphumelela iCarling Knockout Cup – kodwa amathuba ayancipha okuba ifumane iMamelodi Sundowns esahleli phezulu kwindawo yokuqala nakubeni isaxakekiswe yimidlalo yeAfrican Football League. Kuphoxeke abalandeli abaninzi xa iPirates iguqiswa phantsi yiCape Town Spurs ngamagowuli amabini kwelinye emdlalweni weDStv Premiership obubanjelwe eCape Town Stadium.

Besiqala iSpurs ukuphumelela kwisizini eqhubekayo ukusukela oko sithe sanyuselwa kwiMotsepe Foundation Championship kwisizini egqithileyo. UJose Riveiro uvumile ukuba iqela lakhe linayo ingxaki – kodwa wazixolisa ngelithi iseminzi kakhulu imidlalo esezayo kwiDStv Premiership. “Sibenazo iingxaki ezingaqhelekanga emidlalweni yakutshanje. Ndithetha ngemidlalo ekufakwe amagowuli kuthi kuyo,” utshilo uRiveiro. “Yenzekile into enje sidlala nePolokwane City.

“Asiyiguquli indlela esidlala ngayo futhi injongo yethu isoloko inye. Kodwa nangona kunjalo, kusoloko kufakwa igowuli kuthi. Ngamanye amaxesha amagowuli ayanqaba emidlalweni. Nokuba ibhola ingakuwe phantse wonke umdlalo – kodwa ayizukunika impumelelo lo nto ukuba ibhola ayingeni emnatheni,” utshilo uRiveiro. Emva kokubethwa yiCape Town Spaurs, ngoku iPirates ihleli kwindawo yeshumi elinesithathu emva kokuqokelela amanqaku alithoba kuphela emidlalweni yeDStv Premiership.

Umqeqeshi weBucs uthe imidlalo isekhona kwaye usenalo ithemba leziphumo ezibhetele. “Kudala ndathi indebe yeDStv yeyona ibalulekileyo kuthi. Iqela elifana nePirates kufuneka lilwele ukuphumelela indebe. Asikadlali kakuhle kwiDStv Premiership – kodwa asemaninzi kakhulu amanqaku aza kudlalelwa,” utshilo uRiveiro. Kufuneka iPirates ilibale ngokwenzeke eKapa ngoba iza kujongana neRichards Bay emdlalweni weCarling Knockout Cup emalanga ngoMgqibelalo. Kunyanzelekile Ezimnyama ziphumelele ukuze zifumane ithuba lokufumana indebe yesibini kwisizini entsha.