Ezemidlalo

2023: AmaBhokobhoko ziintshatsheli zehlabathi ityeli lesine!!!

Pedro Mapelo|Published

AmaBhokobhoko azibhale ngokutsha iincwadi zembali namhlanje ngokuphumelela iNdebe yeHlabathi isihlandlo sesine. Oku kwenzeke emva kokuba uMzantsi Afrika ubethe iintshaba zawo, iNew Zealand, emdlalweni wokugqibela wetumente yehlabathi obubanjelwe eStade de France, eParis, namhlanje ebusuku. Zisuka kwisigaba sokuqala kuye kwabonakala ukuba kudibene oomanqanqa emdlalweni wombhoxo. Umdlalo utake iintlantsi zisuka. Njengoko bekulindelekile, iNew Zealand ibiyilawula ibhola – kodwa uMzantsi Afrika, obukhokelwa nguSiya Kolisi, uvale onke amazibuko.

Emva kokwenza iimpazamo, Amabhokobhoko athe chu ngokuyohlwaya iNew Zealand ngamapenela aqatyeliswe onke nguHandre Pollard kwisigaba sokuqala somdlalo. Khange ziyihambele kakuhle izinto iNew Zealand ngoba idlale ingaphelelanga emva kokuba umdlali wayo enikwe ikhadi elibomvu. Kuyiwe ekhefini uMzantsi Afrika unkqenkqeza phambili ngo’12-6. Ngelo xesha belikhona ithuba lokuba uMzantsi Afrika uzame ulale emgceni uvale mba.

Akubanga njalo ngoba abadlali beNew Zealand balwe ngamandla. Bakwazile ukubhaqa amanqaku ambalwa bade badibanisa ishumi elinanye. Abakwazanga abadlali beNew Zealand ukuqabela ngaphaya koMzantsi Afrika ngoba baphose amapenela aliqela aphantse ayenza ingxaki. Kufanele uzingombe isifuba uMzantsi Afrika ngoba wenze umsebenzi omhle kakhulu, ngakumbi emva kokulahlekelwa nguBongi Mbonambi emizuzwini yokuqala ngenxa yokonzakala.

Ngoku uSiya Kolisi ngumdlali omnyama wokuqala futhi ngumdlali wombhoxo wokuqala ophakamise iNdebe yeHlabathi izihlandlo ezibini zilandelelana. Kwelinye icala, uJacques Nienaber uhamba eliyifumene indebe emva kokuthatha indawo kaRassie Erasmus owaphumelela indebe kwitumente eyayiseJapan ngonyaka ka2019. Kulindeleke ukuba uMongameli Cyril Ramaphosa abhengeze usuku lwangeCawe njengeholide eMzantsi Afrika njengoko ebethembisile.