UCavin Johnson ngumqeqeshi weKaizer Chiefs wethutyana emva kokugxothwa kukaMolefi Ntseki. Umfanekiso: KC/Facebook
Emva kokuba enikwe isikhundla esitsha okwethutyana ekuqaleni kwale veki, uCavin Johnson wenze isithembiso esinye kwiKaizer Chiefs. UJohnson uqeshwe kwinyanga ephelileyo njengentloko yeKaizer Chiefs Academy ekhiqiza abadlali abaza kudlalela iqela elikhulu – kodwa ngoku uzibone enikwa owona msebenzi onzima ebholeni yaseMzantsi Afrika. Namhlanje uJohnson uthethe okokuqala emva kokunyuselwa kwakhe ngoMvulo emalanga.
Nakubeni naye engazange aphumelele ndebe kwiPremier Soccer League ngeentsuku zakhe zokuqeqesha eMzantsi Afrika – kodwa uJohnson uyahlonitshwa jikelele ngenxa yamava anawo ebholeni ekhatywayo. Uzibalule kumaqela afana nePlatinum Stars eyabhangayo, AmaZulu nakuyo iAl Ahly yaseYiphutha akhe walisekela likaPitso Mosimane phambi kokuchithwa kwakhe njengokuba sele esuka naseSaudi Arabia njengoku.
“Mandibulele uSihlalo weChiefs, uGqirha Kaizer Motaung, ngokubonakalisa ukundithemba kwakhe njengomntu onokuqeqesha iKaizer Chiefs,” utshilo uJohnson oneminyaka eyi64. “Ndiqinisekile ucinge nzulu phambi kokundinyusela ngoba ekuqaleni undizise apha ukuze ndincede abadlali abasakhulayo kwiChiefs Academy. Kodwa kwa yena uye wacinga ukuba makandisebenzise kwenye indawo.
“Ndisamkele isigqibo sakhe. Ukunikwa ithuba lokuqeqesha iqela elikhulu njengeChiefs yinto enkulu kakhulu kum,” utshilo uJohnson. Amakhosi alambele iindebe ngoba aneminyaka elithoba yonke engasafumani iindebe aziwa ngazo jikelele kwihlabathi. Abaqeqeshi abangaphaya kwesihlanu bazamile ukulwela iindebe – kodwa bahamba bengacholanga naphantsi.
“Ndizimisele ukusebenzisa onke amava endinawo ebomini bam ukuze ndibuyisele iChiefs kwinto eyaziwa ngayo: ukuphumelela imidlalo,” utshilo uJohnson. Amakhosi aza kudibana neGolden Arrows emdlalweni weDStv Premiership ngempelaveki. Umdlalo uza kuba nzima ngoba umoya wabadlali beChiefs usephantsi emva kokubethwa ngaMaZulu emdlalweni oxhokonkxe abalandeli abagxothise uMolefi Ntseki. Kufuneka uJohnson azame ukubakhuthaza abadlali bakhe ngoba iGolden Arrows idlala kakuhle kakhulu kule sizini eqhubekayo.