UMzantsi Afrika ungombe iBangladesh emdlalweni weNdebe yeHlabathi ebanjelwe e-India. Umfanekiso: CSA/Facebook
Uzenzele imbali uQuinton de Kock kwitumente yehlabathi ngokufumana imitsi elikhulu elinamashumi asixhenxe anesine (174) emdlalweni uMzantsi Afrika obethe kuwo iBangladesh ngemitsi elikhulu elinamashumi amane anethoba (149) eMumbai emalanga ngoLwesibini wale veki.
Emva kokuphumelela itosi, uMzantsi Afrika ukhethe ukuqhokra kuqala ngaphandle kukaTemba Bavuma – ophoswe yimidlalo emibini ngenxa yempilo engentlanga. IProteas yenze amakhulu amathathu anamashumi asibhozo anesibini (382) kuwe oothinti abahlanu.
Abadlali abazibaluleyo ibe nguDe Kock (obe ngumdlali oqaqambileyo) noHeinrich Klaasen ofumene amashumi alithoba emitsi. UDavid Miller (34) noAiden Markram (60) bafike bafike benza intlanganisela yemitsi engamashumi alithoba anesine (94).
Nakubeni ingene inetyala elikhulu iBangladesh – kodwa isebenzile futhi iwusokolisile uMzantsi Afrika. Umdlali wayo ophambili, uMahmudullah, uphume exwaye iphini lakhe enemitsi elikhulu elineshumi elinanye (111) emva kokuxhathisa ixesha elide.
Ukuphucuka kwendlela odlala ngayo uMzantsi Afrika kunika ithemba, ngakumbi emva kokuba uhlaze iNgilane ngempelaveki egqithileyo. Ngoku iProteas, India, New Zealand neAustralia kulindeleke ukuba ziye kumjikelo olandelayo.
“Ndiphume ndidiniwe emdlalweni ngaphezulu kokonela kukudlala. Wonke umntu uwenzile umahluko emdlalweni wanamhlanje kwaye kumnandi ukufumana amanye amanqaku amabini,” utshilo uDe Kock emva komdlalo watsho encoma kakhulu umsebenzi owenziwe nguKlaasen aqhokre naye ixesha elide.
UKapteni weBangladesh, uShakib Al Hasan, uvumile ukuba khange babenazo iimpendulo zoMzantsi Afrika ophume ebaleni wenze ityala elikhulu kakhulu. “Ndicinga ukuba sidlale kakuhle ekuqaleni komdlalo ngethuba kuqhokra uMzantsi Afrika.
Sifumene oothinti amathathu futhi isantya sayo besiphantsi. Kuthe kwakudibana uQuinton de Kock noHeinrich Klaasen asabinazi iimpenduli,” utshilo ukapteni weBangladesh eyenze imitsi eyi233.