Ezemidlalo

iStellenbosch ibethele kowayo iChippa United emdlalweni weCarling Knockout

Pedro Mapelo|Published

Emva kokuthelekwiswa kwamaqela athatha inxaxheba kwiCarling Knocout, uMorgan Mammila wakhala xa iChippa United ithelekiswa neStellenbosch ngoba wayesazi ukuba liqela lebhola ekhatywayo elisokolisa kakhulu. Abekade ekoyika kwenzekile namhlanje emva kokuba iStellenbosch ibethele kowayo iChippa United ngamagowuli amabini kwelinye emdlalweni weCarling Knockout obubanjelwe eNelson Mandela bay Stadium ngenjikalanga yanamhlanje. Ukubethwa kweChippa kowayo akuqhelekanga kule sizini ngoba iqhube bhetelana emidlalweni yeDStv Premiership eyidlalele eGqeberha.

Amaqela adlalile phantsi kweso simo sezulu esibi esibangelwe kukuna kwemvula phantsi kulo lonke iphondo leMpuma Koloni. Kuphantse konakala kwiChippa emzuzwini weshumi elinesibhozo ngethuba ibhola ebikhatywe nguDevon Titus ifikela ezandleni zikanozinti, uLlyod Kazapua. Kuyiwe kwixesha lokuphumla amaqela omabini ebambene ngeqanda macala nangoba iindwendwe bezinawo amathuba okubhalisa ebhodini.

Uxinizelelo belukwiChippa kwisigaba sesibini somdlalo. Izamile yona ukudlala kakuhle phambi kokuphela kwesigaba sokuqala nakubeni ibifuthanyiselwe yiStellenbosch FC ebinomvuka emva kokuba ikhutshwe yiPirates kwindebe yeMTN9 kwiiveki ezigqithileyo. Emizuzwini wamashumi amane anesixhenxe, uAndre de Jong ubhakuzelise umnatha zatsho zakhokela iindwendwe emva kokudibana nebhola ebibuya ezipalini zeChippa.

Phambi kokuphela kweyure yomdlalo, uKgaogelo Sekgota ufake igowuli lakhe lokuqala kule sizini yatsho yahamba phambili iStellenbosch ngamagowuli amabini. Emva kwemizuzu embalwa, iChippa ibhalisile ebhodini ngegowuli elifakwe nguMenzi Ndwandwe. Izamile emva koko ukufaka igowuli lesibini – kodwa ngelo xesha ebingasavumi iStellenbosch. UMammila ubalule ukungabikho kwabadlali abathile njengonobangela wokungadlali kakuhle kweChippa emdlalweni wanamhlanje.Kwelinye icala, uSteve Barker uzamkele iziphumo nakubeni umdlalo ubunzima.