AmaNgesi azikhotha amanxeba emva kokubethelwa oogqirha nezicaka nguMzantsi Afrika emdlalweni wetumente yehlabathi namhlanje emalanga. UKapteni weNgilane uphumelele itosi – kodwa wathi uMzantsi Afrika mawungene ebaleni uqhokre kuqala. IProteas iye emdlalweni wanamhlanje uphantsi koxinezelelo emva kokuba ibethwe lula kakhulu yiNetherlands phakathi evekini. Ungene uMzantsi Afrika wenza imitsi engamakhulu amathathu anamashumi alithoba anethoba (399).
Isiqalo soMzantsi Afrika sibe sibi ngoba uQuinton de Kock ukhutshwe kwangoko kakhulu enze imitsi emine kuphela. Kodwa uHeinrich Klaasen wenze umsebenzi omkhulu ngekhulu elinethoba lemitsi (109) encedisana nMarco Jansen okhutshwe enze imitsi engamashumi asixhenxe anesihlanu (75). Umsebenzi omhle owenziwe ngala madoda omabini uwuzinzisile uMzantsi Afrika obuhlaselwa macala onke ngamaNgesi abezimisele ukuphumelela umdlalo.
Angenile amaNgesi enomthwalo omkhulu wokwenza imitsi engamakhulu amane ukuze aphumelele. Ngelishwa lawo, akhutshwe onke enze ikhulu elinamashumi asixhenxe kuphela. Ngaloo ndlela abethwa nguMzantsi Afrika ngoothinti abangamakhulu amabini anamashumi amabini anethoba (229). Okuye kwayibetha iNgilane ingekaqhokri ibe kukonzakala kukaReece Topley. Enye indoda eyoyikwayo, uBen Stokes, ikhutshwe nguKagiso Ramabada yenze ibathwana lemitsi emihlanu qha.
UJansen uvuthulule iNgilane kumangeno wayo wokuqala ngokukhupha uJoe Root noDawid Malan isenze imitsi engamashumi amabini anesine kuphela (24). Nakubeni amaNgesi ezamile ukubetha ibhola emva kokuphuma kwamadoda aziwayo – kodwa amathemba aphele xa kukhutshwa uDavid Willey obanjwe nguRabada. UTailenders Atkinson noWood ngabona bazamile ukuze iNgilane ifumane imitsi esondeleyo kumakhulu amabini. Emva komdlalo, uKapteni weNgilane uvumile ukuba iqela lakhe lihlaziwe nguMzantsi Afrika emdlalweni wetumente yehlabathi oqhubekayo obanjelwe e-India.