Ezemidlalo

Ndifuna ukuba yintshatsheli yehlabathi, utsho uSakhekile Makhoba!

Pedro Mapelo|Published

USakhekile Makhoba yimbethimanqindi yaseNcerha, eQonce. Umfanekiso: Pedro Mapelo

USakhekile Makhoba yimbethimanqindi yaseNcerha, eQonce. Umfanekiso: Pedro Mapelo

Indodana yaseQonce eze ngobuso ezweni egama linguSakhekile Makhoba izimisele ukuzenzela igama emdlalweni wamanqini eminyakeni embalwa ezayo ukusukela kulo. UMakhoba, 17, ukuxelele I’solezwe lesiXhosa oku emva kokuphumelela umlo wakhe kwitumente ekuthiwa yiWelcome Ncitha Rising Stars Championships ebibanjelwe eButterworth Training College, eGcuwa, ekuthambekeni kwenyanga yoMsintsi. Phambi komlo wakhe wokugqibela kutshanje, uMakhosi woyise iintangazakhe ezimbini. Ukuphumelela kuyivuyise kakhulu imbethimanqindi yelali yaseNcerha, eQonce, kwaye ngoku ithi ifuna ukunyukela kudidi olungasentla kunyaka ozayo xa ineminyaka elishumi elinesibhozo.

Emva kokuqhuba kakuhle kwitumente egqithileyo, uMakhoba uthe wonwabile ngoba wenza into ayithandayo kakhulu. “Ndonwabe kakhulu emva kokuphumelela umlo wam wokugqibela kule tumente. Besekulithuba elide ndilungiselela le mini,” utshilo uMakhoba ozimisele ukongeza inani leentshatsheli eMzantsi Afrika kwiminyaka embalwa ezayo. USakhekile yindodana elwa kakuhle kakhulu futhi ezimiseleyo eqongeni. Nakubeni umdlalo wamanqindi iyinto efike kwiminyaka embalwa egqithileyo – kodwa yinto azixeleleyo ukuba uza kukhula kuyo ngenxa kaMnywabe. Ngokutsho kwakhe uSakhekile, nguMnu. Lungile Manoli weBig 5 Boxing Promotions oweza namanqindi eNcerha futhi ikwa nguye obajimisayo.

“Ndaqala umdlalo wamanqindi ngo2017. Ngenye imini ndifuna ukuzibona ndiyintshatsheli yehlabathi. Apho ndisuka khona kwangekukho manqindi. Ukuze ndibe yimbethimanqindi, kwafika umqeqeshi wethu (uMnywabe) phaya elalini nento yamanqindi. Nguye owavula indawo yamanqindi yokuzilolonga. Thina silandela yena ngolo hlobo ngo2017,” utshilo uSakhekile ethetha neli phephandaba kutshanje. Akubanganzima ukufunda amanqindi ngoba bafundiswe ngumntu owathandayo kakhulu amanqindi. “UMnywabe ebedlala nathi amanqindi ejimini. Nam bendilinganisa yena ngoba ndifuna ukufana naye. Ndiyawathanda amanqindi kakhulu kwaye ndifuna ukuya kudidi oluphezulu kunyaka ozayo,” uvale ngaloo mazwi uMakhoba.