Umbutho olawula ibhola ekhatywayo e’Afrika, iConfederation of African Footbal, ityikitye isivumelwano esitsha noPUMA kushiyeke iinyanga ezimbalwa kuqale iTotalEnergies Africa Cup of Nations (Afcon 2024) eza kusingathwa lilizwe lase-Ivory Coast ekuqaleni konyaka ozayo. Inkampani yaseGermany, uPUMA, ingena endaweni ka-Umbro obengomnye wabaxhasi beCAF ngethuba kuqhutyelwa iAfcon egqithileyo kwilizwe laseCameroon. Ingxelo ithi naye (uPUMA) uza kwenza izinto ezifana nekiti eza kunxitywa ngoosompempe, iibhola ekuza kudlalwa ngazo nezinye izinto kwicandelo leentengiso kwiCAF.
Lo nto ithetha ukuthi iibhola ekuza kudlalwa ngazo e-Ivory Coast ekuqaleni konyaka ozayo ziza kuveliswa ngumxhasi omtsha weCAF ongemtshanga kodwa kwizwekazi le’Afrika. Sekulithuba elide kakhulu uPUMA, owenza iimpahla zemidlalo entlobo ntlobo nezinye izixhobo zemidlalo, esebenzisana namazwe akwizwekazi le’Afrika. Amazwe awenzela izikipha aquka iEgypt, iGhana, Ivory Coast, iMorocco, iSenegal neTogo. UMongameli weCAF, uGqirha Patrice Motsepe, uvakalise uchulumanco olukhulu emva kokufumana inkxaso kwimpani eyaziwayo efana noPUMA.
Isizathu esichwayitise uMongameli weCAF kukuba ukufika kwabaxhasi abatsha kuhambelana ngqo nephulo lakhe lokuvuselela iCAF afuna itsale abatyalizimali eza kuthi phucule ibhola yeAfrika. “Yiminyaka emininzi kakhulu uPUMA esebenzisana namazwe namaqela kwizwekazi le’Afrika,” utshilo uGqirha Motsepe ekuqaleni kwale veki. “Ukuze ibhola yethu ibe semgangathweni wehlabathi, amaqela waseAfrika kufuneka aziqaqambise ebaleni. Lo nto idinga ukuzibophelela kweenkampani ezinkulu ebholeni yethu.
“Kusivuyisa kakhulu ukuqhogana nenkampani efana noPUMA ngoba iza kusincedisa kuhlumo esilufunayo ebholeni,” utshilo uGqirha Motsepe. Naye kwelakhe uMphathi wakwaPUMA, uMnu. Johan Kuhlo, ukuvuyele kakhulu okwenzekileyo. “Intshisakalo esinayo ebholeni inzulu kakhulu futhi nentsebenziswano kuthi namaqela alapha e’Afrika ineminyaka emininzi kakhulu. Sinezinto ezintle esiza nazo ebholeni yaseAfrika,” utshilo uMnu. Kuhlo. Namhlanje kuthelekiswe ngokusesikweni amaqela ezizwe aza kuthatha inxaxheba kwiTotalEnergies Africa Cup of Nations ekunyaka ozayo.