ABanyana Banyana babethwe yi-United States of America emidlalweni yobuhlobo kutshanje.
Umqeqeshi waBanyana Banyana, uDesiree Ellis, uyicacisile into engenziwanga kakuhle ngabadlali bakhe emidlalweni yobuhlobo emibini ababethwe kuyo yiMelika. ABanyana Banyana bayophisa emva kokubethwa ngamagowuli amahlanu eqandeni emidlalweni emibini yiMelika. Kowokuqala, uMzantsi Afrika ubethwe ngamagowuli amathathu eqandeni emdlalweni wobuhlobo ekuseni kakhulu ngoLwesihlanu ogqithileyo eTQL Stadium. Komnye umdlalo, iMelika iphumelele ngamagowuli amabini eqandeni eSoldier Field, eChicago, ngobusuku bangeCawe egqithileyo. Ibikokokuqala aBanyana Banyana bedlala ukusukela oko bebuye kwitumente yehlabathi ebibanjelwe eNew Zealand nase’Australia kwiinyanga ezigqithileyo kulo nyaka.
Nakubeni bebuye bencumile kwiNdebe yeHlabathi emva kokuya kumjikelo wesibini okokuqala – kodwa abakwazanga ukumelana neMelika (United States of America) ehleli kwindawo yesithathu kumanqwanqwa ehlabathi kwibhola ekhatywayo yamanenekazi. Umqeqeshi uvumile ukuba kuninzi ekufanele kufundwe ziintombi zakhe emva kokubethwa kutshanje. “Siyakwazi ukuya phambili emidlalweni – kodwa ingxaki ifika xa singena emhlabeni kanozinti. Akubikho mntu wokugqibezela okanye ozama ukuncedisa lowo ophethe ibhola. Uzamile uThembi Kgatlana – kodwa bekungekho bantu ecaleni kwakhe.
“Yinto ekufuneka sizame ukuyiphucula emdlalweni wethu ukusukela ngoku. Kunzima ukuyilungisa lo nto xa unemidlalo esondeleleneyo,” utshilo uEllis emva komdlalo eMelika. Phakathi kweengxaki zaBanyana Banyana kukungakwazi ukuchitha iibhola ezisuka ezikoneni. Nakwitumente yehlabathi bekunjalo. “Kufuneka silungisela indlela esiqubisana ngayo neebhola ezisuka ezikoneni. Sekucacile ukuba asinto eza kuba lula – kunyanzelekile sizame ukwenza ngcono. Okuhle yindlela esabelana ngayo ibhola xa ikuthi ebaleni – kodwa ngamanye amaxesha siye siyilahle lula,” utshilo uEllis. Nakubeni iqela lamantombazana oMzantsi Afrika libethiwe, bezikhona iintlantsi ezithembisayo emdlalweni walo.