Uzibonakalisile kwakhona uLucas Ribeiro ukuba ungumdlali obalulekileyo kakhulu kwiMamelodi Sundowns. Oku ukwenze ngokufaka igowuli iSundowns equthise ngalo i’Orlando Pirates emdlalweni weDStv Premiership obushushu e’Orlando Stadium. Ngokuphumelela kwayo kwakhona, iSundowns ibethelele indawo yayo phezulu. Kanti yona iPirates iza kukhala ngoba ukuphulukana kwayo nomdlalo wesibini kule sizini kwenza kube nzima kuyo ukuleqa iSundowns evula umsantsa phezulu. Noxa iqela likaRulani Mokwena lidlale kakuhle – kodwa iPirates ibuye ngamandla kwisigaba sesibini. Igowuli elifakwe nguLucas Ribeiro lilo elenze umahluko kwisigaba sokuqala somdlalo. Oku kwenzeke emva kokuba kuwiswe nguThemba Zwane ebhokisini nguSiphelo Baloni. URibeiro, ofaka amagowuli ngendlela engenambaliso, ufake ipenela emzuzwini weshumi elinanye.
Iindwendwe zifumene igowuli ngoba zibeke iBucs phantsi koxinizelelo umdlalo usaqala. Ezikufunayo kucace kwangoko ngethuba zinyanzela iPirates ukuba yenze iimpazamo. Alwile amakhwenkwe kaJose Riveiro esebenzisa uMonnapule Saleng noMofokenge kwicala lasekunxele. UPatrick Maswanganyi noZakhele Lepasa khange babe nalo ulwamvila ngoba bebegadwe kakhulu yiSundowns ebivale emva ngoMthobi Mvala noRivaldo Coetzee. USipho Mbule noTegoho Mokoena benze umsebenzi omhle kakhulu wokuthintela iPirates nokutyala iibhola esiswini kumadoda afana noZwane noRibeiro obeyingozi kwicala lasekunene. Khange iyekelele iPirates nakwelayo icala noxa bekunzima ukugqobhoza kwiSundowns. Kudlalwe kakubi uLepasa pahakathi ebaleni nguRonwen Williams kwadaleka isiphithiphiti esibi ebaleni.
Abadlali bePirates khange bakwazi ukuwubamba umsindo wabo emva kokuba usompempe engamnikanga ikhadi elibomvu uWilliams. Ikhadi elibomvu linikwe uMandla Ncikazi emva kokukhalaza kunompempe. Kuyiwe kwixesha lokuphumla iSundowns ihamba phambili ngegowuli elinye. Ibuye ngamandla iPirates kwisigaba sesibini ikhangela igowuli lokulinganisa. Izamile ukugalela macala onke – kodwa iSundowns ibiseyivale mba. Bekubalulekile ukuphumelela kwayo iPirates emdlalweni wanamhlanje emva kokubethwa emdlalweni weCAF Champions League ngempelaveki egqithileyo eBotswana. Kodwa ngelishwa lakhe uRiveiro, iqela lakhe alikwazanga ukuphumelela umdlalo obalulekileyo. Kweminye imidlalo yanamhlanje, iSekhukhune United ibethe iRoyal Am ngegowuli elinye. Amatsatsantsa abethe iKaizer Chiefs ngegowuli elinye eqandeni. Yona iTS Galaxy ibambene ngeqanda neCape Town City emdlalweni obuseMpumalanga.