Uvuye okosana uGavin Hunt emva kokuba iSuperSport United yakhe ibethe iKaizer Chiefs ngegowuli elinye eqandeni emdlalweni weDStv Premiership obusePeter Mokaba Stadium namhlanje ebusuku. Impumelelo ibuyisela iSuperSport phakathi kwamaqela aphuzulu kwiDStv Premiership, kanti kubekho ukuphoxeka kubalandeli beChiefs abaphinde bakhuphela umsindo wabo kuMolefi Ntseki ngelithi makahambe emva kokubethwa emdlalweni wanamhlanje. Kokwesibini bemvalela ebaleni kule sizini. Amakhosi aya kwiMamelodi Sundowns emdlalweni weMTN8 osePitoli ukuzithemba kuphantsi kakhulu emva kweziphumo ezingancumisiyo nanamhlanje. Emva kokuswantsulisana kwisiqingatha sokuqala sonke, kuyiwe kwixesha lokuphumla Amatsatsantsa ehamba phambili ngegowuli elinye eqandeni. Umdlalo utake iintantsi zisuka emdlalweni njengesiqhelo.
Ifolosi eyingozi, uTerrence Dzvukamanja, ibhakuzelise umnatha emzuzwini wesibini umdlalo uqalile. UDzvukamanja, obengumdlali we’Orlando Pirates kwisizini egqithileyo, unikelwe ibhola ekhatywe ngobuchule nguBradley Grobler wayivalela emnatheni ngenxele lakhe. Khange akwazi ukuyinqanda u-Itumekeng Khune ongene endaweni kaBrandon Petersen emdlalweni wanamhlanje. Igowuli liwanyanzele Amakhosi ukuba aphendule. Emva kwemizuzu embalwa, uAshley Du Preez ukhe wazama ukukhabela uRichardo Goss – kodwa ngelishwa, ibhola yakhe ibingenawo amandla. Naye uEdson Castillo ukhe wazama ukufumana igowuli lokulinganisa – kodwa ibhola ayingqube ngentloko iphume ecaleni. Akakwazanga Amakhosi ukuphendula nakubeni umdlalo ubulawulwa ngawo. Ngoba iChiefs iye kwisigaba sesibini iphantsi koxinizelelo, bekunyanzelekile ukuba kubekho into eyenzayo.
Ngakumbi emva kokuba ibambene neRoyal Am ngeqanda emdlalweni obungempelaveki egqithileyo. Amakhosi abuye enamandla kwisigaba sesibini. Kodwa abadlali beSuperSport bahleli emva bavala onke amazibuko. IChiefs idlale yodwa kwisigaba sesibini ngoba iSuperSport idlalele ukukhusela igowuli elifumene kwangoko emdlalweni wanamhlanje. UGavin Hunt, ovuye kakhulu emva komdlalo, ubaqhwabele izandla abadlali bakhe emva komdlalo. Oko bekusenziwa kukuba wemka kwiChiefs engonelanga kwiminyaka embalwa egqithileyo. UMolefi Ntseki uvakalise ukungonwabi kwakhe emva kokuba iqela lakhe lingakwazanga ukufumana impumelelo emdlalweni wanamhlanje. Ekugqibeleni, iSuperSport iphumelele ngegowuli elinye eqandeni. Kweminye imidlalo, iSundowns ibethe iPirates ngo’1-0, iSekhukhune ibethe iRoyal Am ngo’1-0 kanti yona iTS Galaxy ibambene neCape Town City ngeqanda.