Umfanekiso: James Crombie/INPHO/Shutterstock. AmaBhokobhoko abethe iScotlande emdlalweni obuseStade de Marseille namhlanje ngorhatya.
Kuthe qabu kubalandeli boMzantsi Afrika emva kokuba uvule itumente yehlabathi ngendlela encumisayo. AmaBhokobhoko azibethele iScotland ngamanqaku alishumi elinesibhozo kwamathathu emdlalweni wetumente yehlabathi obunzima eStade De Veledrome Stadium, eMarseille, ngorhatya lwanamhlanje. Noxa uMzantsi Afrika ungadlalanga ngendlela obethe ngayo iNew Zealand kutshanje – kodwa uwenzile umsebenzi obufuneka emdlalweni wanamhlanje. Umdlalo ubunzima ngoba iScotland siqale ngokuxhathisa kakhulu emdlalweni. AmaBhokobhoko asukele kakhulu kwimizuzu yokuqala yomdlalo. Bekucace gca ukuba uJacques Nienaber uthe amakhwenkwe wakhe makazame ukuqokelela amanqaku kwangoko emdlalweni.
UManie Libbok ufake iipenela ezimbini kwisigaba sokuqala somdlalo. Sona iScotland sikwazile ukufumana enye nakubeni bekungekho themba lokuba singenza into engaphezulu kwepenela. Bekufanele ukuba AmaBhokobhoko aye kwixesha lokuphumla eneshumi elinambini lamanqaku – kodwa ngelishwa lawo, uLibbok akakwazanga ukufaka amapenela amabini. Umgangatho uye waphezulu kakhulu kwisigaba sesibini. AmaBhokobhoko angene asibeka phantsi koxinizelelo iScotland esizamileyo ukulwa naso kwelaso icala. Izinto ziye zajika ngethuba uPieter-Steph du Toit elala emgceni kwimizuzu engephi kuqale isigaba sesibini ebekunyanzelekile ukuba kucace icala eliphumelelayo.
Khange kube kudala, AmaBhokobhoko alele emgceni kwakhona emva kokuba uManie Libbok ekhabele ibhola entle uKurt-Lee Arendse oshiye amadoda ezizigede emva kwakhe. Ngenxa yobunzima bomdlalo, iSpringbok silahlekelwe nguEben Etzebeth ophume emdlalweni ngenxa yokonzakala egxalabeni. Ukuba wonzakele, ingayinto embi kakhulu kuMzantsi Afrika oseza kudibana nelizwe eliphala phambili embhoxweni wehlabathi, i-Ireland. AmaBhokobhoko acholachole amapenela afakwe nguFaf de Klerk. Iinguqu ezenziwe ngabaqeqeshi nazo zibenalo ifuthe elihle emdlalweni. Sona iScotland besingenawo amandla okowoyisa uMzantsi Afrika emdlalweni wanamhlanje – kodwa besibonakala ukuba asifuni ukuhlazeka.