Ezemidlalo

Igqamisa italente kwabeqakamba iNgumbela Legacy Cup ngempelaveki!

Pedro Mapelo|Published

Abalandeli beqakamba baza konwabela umdliva wemidlalo ngempelaveki eNxukhwebe. Oku kuza kwenzeka xa kudibana amaqela weqakamba aphambili eMpuma Koloni amane emidlalweni yetumente ekuthiwa yiNgumbela Legacy Cup eza kube ibanjelwe eNgumbela Cricket Ground. Iinyathi zidibana ne-Eastern Cape Province Women emdlalweni wokugabula izigcawu kusasa ngoMgqibelo ngentsimbi yeshumi kusasa. Ngumdlalo ekulindeleke ube semgangathweni ophezulu futhi unike amanenekazi adlala iqakamba ithuba lokuqaqambisa izakhono zawo. Emva koko, kuza kulandela umdlalo oza kunika umdla ophamathi kweSelborne College ne’Alice Regional Centre. Ngosuku olulandelayo, iFear Not Cricket Club iza kuvana amandla neSheshegu Brothers emdlalweni obekelwe intsimbi yeshumi.

Ngentsimbi yesibini emini, iEastern Cape Iinyathi izibana neDafabet Warriors komnye umdlalo ekulindeleke ukuba utake iintlantsi. Kuxutywe amaqela amantombazana namadoda kwisiqendu seNgumbela Legacy Cup salo unyaka Oku kwenziwe ngabom ukuze kugqamise ukulingana kwamanene namanenekazi emdlalweni weqakamba. Abaphathi beBorder Cricket baququzelele itumente yeqakamba ngelizama ukuqhubela phambili nophuhliso lomdlalo weqakamba, kwangaxeshanye kuhlonitshwa igalelo elenziwa nguBaw’ uNgumbela – owayezibophelele kuphihliso lwemidlalo phambi kokusweleka kwakhe kwiminyaka embalwa egqithileyo. Ingqonyela yeBorder Cricket, uMnu. Omphile Ramela, ivakalise uchulumanco emva kokuphehlelwa kwetumente kwiveki ephelileyo.

“Okuhle ngeNgumbela Legacy Cup kukuba igqamisa italente yabadlali abanekamva eqakambeni. Sizingomba isifuba ngokusingatha itumente eza kugqamisa abadlali beqakamba abaphuma kwizikolo ezikummandla weBorder,” utshilo uMnu. Ramela. Naye umqeqeshi weDafabet Warriors, uRobin Peterson, waleke umsundulo ngelithi itumente iliqonga elihle lokuqaqambisa izakhono zabadlali beqakamba nokunika imbeko kwabo babeyidlala ngaphambili. Nakubeni umdla uza kube usemidlalweni nasebadlali bamaqela ohlukeneyo - kulindeleke ukuba abantwana bezikolo abadlala iqakamba bafumane ithuba elihle lokuphefumlelanga namagqala omdlalo weqamba kwiintsuki zombini ezibekelwe itumente ekuhlonitshwa ngayo umzila owashiywa nguNgumbela.