Ezemidlalo

UVilakazi uncome Abafana Bes’thende abahlaze Amatsatsantsa

Pedro Mapelo|Published

Abadlali beGolden Arrows bevuyela ukubetha ukubetha iSuperSport United emdlalweni weDStv Premiership obusePeter Mokaba Stadium ngoLwesibini. Umfanekiso: Facebook

Abadlali beGolden Arrows bevuyela ukubetha ukubetha iSuperSport United emdlalweni weDStv Premiership obusePeter Mokaba Stadium ngoLwesibini. Umfanekiso: Facebook

Umqeqeshi weGolden Arrows, uVusumuzi Vilakazi, ubancomile abadlali bakhe emva kokuba iqela lakhe lihlaze iSuperSport United ebingekabethwa ngamagowuli amathathu eqandeni emdlalweni weDStv Premiership ekuqaleni kwale veki. Emva kokuzuza amanqaku amathathu, iGolden Arrows intingele phezulu yayokuthi ngcu kwindawo yesibini ilandela iMamelodi Sundowns ebethwa ngumoya phezulu emva kokubetha iPolokwane City ngamagowuli amabini eqandeni izolo. Amatsatsantsa liqela elilushica kakhulu, ngakumbi kumaqela amancinci njengeGolden Arrows. Yiyo lo nto abantu abaninzi bothuswe linani lamagowuli Abafana Bes’thende abawafumeneyo emdlalweni ogqithileyo.

Umqeqeshi uthe sisicwangciso esenziwe ngabadlali ebaleni esibanike impumelelo. “Besisazi ukuba umdlalo uza kuba nzima. Akululanga ukudlala neSuperSport United ngamaxesha onke,” utshilo uVilakazi emva kokuba iqela lakhe liphumelele umdlalo wesibini kule sizini ilandelelana. “Ndicinga ukuba isicwangciso sethu sisebenze ngendlela ebesifuna ngayo. Asiyivumelanga iSuperSport ifake igowuli kuthi. Besisazi ukuba siza kudibana neqela elomeleleyo – kodwa amakhwenkwe wethu enze umsebenzi omhle ebaleni,” utshilo uVilakazi. Noxa iGolden Arrows ingeloqela elichitha iimali ezinkulu ekuthengeni abadlali – kodwa isiqalo sayo kule isizini sihle kakhulu futhi sibhetele kunesizini ephelileyo.

“Kuyasivuyisa ukubona indlela esiwasebenzisa ngayo amathuba emidlalweni ngoku. Yonke into siyenza kakuhle phambi kweepali. Ikhona inkqubela futhi likhona ithemba lokwenza bhetele ngakumbi. Sizama ukuqinisekisa ukuba emva asivuzi. Emdlalweni weveki ephelileyo kufakwe amagowuli amabini kuthi. Ngoku sizama ukuqinisa emva naphambili xa sihlasela. Siza kusebenza ngokuzimisela side sifike kwinqanaba esilifunayo,” utshilo uVilakazi emva komdlalo obukule veki. Abafana Bes’thende, abakhuthazekileyo ngoku, baza kuzama ukufumana amanye amanqaku xa besamkela iStellenbosch FC emdlalweni olandelayo eMpumalanga Stadium ngomhla weshumi elinesithandathu kwinyanga yoMsintsi.