Ezemidlalo

Yenz’ imbali iKhwezi FC ngenyanga yoomama eTsomo!

Pedro Mapelo|Published

Abadlali beKhwezi FC emva kokuphumelela indebe eTsomo kwiveki ephelileyo. Umfanekiso: Uthunyelwe

Abadlali beKhwezi FC emva kokuphumelela indebe eTsomo kwiveki ephelileyo. Umfanekiso: Uthunyelwe

Njengokuba uMzantsi Afrika usonga inyanga ekubhiyozelwa ngayo oomama, iKhwezi FC iyivale ngesitayile eTsomo kwitumente yamantombazana adlala ibhola ekahatywayo. Itshantlizyo lophuhliso kwezemidlalo, uNomakwezi “Kwesta” Dlali, liphinde lenza ezibukwayo ngethuba liphumelela enye indebe kwitumente ebingempelaveki eTsomo Stadium. Iqela lakhe uKwesta ekuthiwa yiKhwezi FC lithwaliswe isithsaba emva kokutshatshela kwitumente yebhola ekhatywayo ekunyaka wesithathu iququzelelwa yiThe Female World Foundation ekhokelwa nguNomakwezi Manqaba. IKhwezi FC liqela lebhola ekhatywayo lamantombazana aselula ngeminyaka elineminyaka embalwa lasekwayo nguDlali - ongutitshalakazi wesikolo selali yaseGqogqorha, eTsomo. Nakubeni ibhola ezilalini iseyinto yamakhwenkwe – kodwa yena uDlali uyayitshintsha lo nto eTsomo.

Njengomntu onomdla kuphuhliso, uDlali unezinto ezimbini asimelela ngazo: yimfundo nemidlalo. Abantwana bakhe, abaphuma kwiilali ezifana neQhumanco, eGqogqorha, eNgqwarhu naseMtshabe, bagoduke bencumile emva kokuthatha indebe ityeli lesithathu iminyaka ilandelela. Okuchulumancisa kakhulu kukuba iKhwezi FC yiyo kuphela ebiqeqeshwa linenekazi kwitumente yaseTsomo. Emdlalweni wokugqibela iKhwezi FC ithathe indebe emva kokubetha iVutha Ladies ngo’1-0. Ethetha ngeyona nto enmike impumelelo kwindawo engenayo inkxaso. UKwesta uthe: “Into endincedayo kukuba andisebenzisi abantwana belali enye. Abanye ndibafumane ezikolweni ngokuthetha nabo. Inzima into yebhola namantombazana ngoba ayikamkelwa ncam ngabazali noxa sekubhetele nje ngoku.”

Ngenxa yomgangatho obuphezulu, lo nto imnyanzele umqeqeshi ukuba athethe nabantwana bakhe ukuze bangoyiki. “Bebothukile abantwana bam xa bebona amantombazana amadala – kodwa ndithe kubo mabangoyiki ngoba abakwazi ukubaleka,” utshilo umqeqeshi weKhwezi FC ebethe iPioneer Ladies ngo’5-0. Kuloo ngqele ebiqhaqhazelisa amazinyo, abadlali beKhwezi FC bagoduke bonwabile emva kokwenza imbali ebholeni ekhatywayo. “Eyona nto endonwabise kakhulu kukuba ndim ndodwa umqeqeshi olinenekazi apha eNtsika Yethu. Ndiyazenzela yonke into kwaba bantwana ngoba andinayo imali lokubhatala abantu abanokundincedisa. Into endizingca ngayo kukuba ndiyakwazi ukubetha amaqela aqeqeshwa ngootata. Sizimisele kakhulu nabantwana bam noxa kungelulanga ngoba yonke le nto itya kakhulu epokothweni,” utshilo uDlali encokolela I’solezwe lesixhosa.