Ezemidlalo

URhulumente utyale iR15-milion kwiqakamba yamanenekazi

Pedro Mapelo|Published

Abaphathi beCricket South Africa nabadlali ngomhla ekusungulwe ngawo iCricket Women’s League kwindibano ebisePitoli kwiveki ephelileyo. Umfanekiso: CSA/Facebook

Abaphathi beCricket South Africa nabadlali ngomhla ekusungulwe ngawo iCricket Women’s League kwindibano ebisePitoli kwiveki ephelileyo. Umfanekiso: CSA/Facebook

Iqakamba yamanenekazi inyukele kwelinye inqanaba eMzantsi Afrika emva kwesibhengezo senkxasomali ethe qabavu kwiveki ephelileyo. Oku kulandela isigqibo esithathwe nguRhulumente sokubinza ngemali ekwizigidi ezilishumi elinesihlanu zerandi (R15-million) ebhengezwe nguMphathiswa weZemidlalo kazwelonke, uMnu. uZizi Kodwa, kwindibano ebibanjelwe eFreedom Park, ePitoli. Imali esuka kuRhulumente iza kunceda kakhulu ekuqalweni kweWomen’s League entsha kraca ekuthiwe iza kuba namaqela amathandathu phantsi kweCricket South Africa (CSA). URhulumente uza kukhupha imali ezizigidi zerandi ezihlanu (R5-million) ngonyaka ngamnye ngokutsho kukaMphathiswa uKodwa kude kuphele iminyaka emithathu ukusukela kulo unyaka.

“Isiqalo seCricket Women’s League sisusa ingcingane ethi izinto ezithile azibafanelanga oomama. Siguqula iingqondo zabantu, ngoku sithi italente, ukuzimisela nentshisakalo zibaluleke ngaphezulu kokujonga isini esidlalayo ebaleni,” utshilo uMphathiswa weZemidlalo kazwelonke ozimisele ukwenza into efanayo kwibhola yomnyazi. Njengokuba amaqela ebenabadlali abathandathu, ngoku amaqela aza kuqesha abadlali abalishumi elinanye (kwiqela ngalinye). Ngaphezulu koko, amaqela aza kuthi akwazi ukuqesha abaqeqeshi ngokupheleleyo nabancedisi abadingekayo kwinqanaba eliphezulu. Ukusekwa kwequmrhu elitsha lamanenekazi kuza kuncedisa kakhulu iqela lesizwe.

Abaqeqeshi beProteas Women ngoku baza kufumana ithuba lokukhetha phakathi kwabadlali abaninzi abadlala kwinqanaba eliphezulu kwiqakamba. Ingqonyela yeCSA, uPhletsi Moseki, uthe okwenzeka kwiqakamba yamanenekazi ziindaba ezamkelwe kamnandi ngabalandeli beqakamba. “Ukufunqulwa komgangatho weqakamba yamanenekazi kujoliswe ekuphakamiseni iqakamba nokuqaqambisa italente yawo. Sinethemba lokuba okwenzekayo ngoku kuza kukhuthaza abadlali abatsha. Sifuna ukucela amaqurhu ezoshishino ukuba aqhubele phambili nokuxhasa iqakamba yamanenekazi,” utshilo uMoseki. Ngelishwa layo iMpuma Koloni, ayinalo iqela eliza kudlala kwiCricket Women’s League nakubeni iyindawo edume ngokuvelisa abadlali abaphambili kwiqakamba eMzantsi Afrika.