Ezemidlalo

Umboxo: Kudibana oomakadezondana emdlalweni wobuhlobo

Pedro Mapelo|Published

UMakazole Mapimpi uza kuqala umdlalo ngoLwesihlanu. Umfanekiso: Facebook

UMakazole Mapimpi uza kuqala umdlalo ngoLwesihlanu. Umfanekiso: Facebook

Amazwe amabini anamandla emdlalweni wombhoxo, uMzantsi Afrika neNew Zealand, aza kuvana amandla phambi kweNdebe yeHlabathi eqala kwinyanga ezayo eFrance. Kanye emva kokubethela oogqirha nezicaka iWales ngo’52-16 emdlalweni wokucweya obuseCardiff, AmaBhokobhoko ngoku aza kuthathana neNew Zealand emdlalweni wobuhlobo oza kutaka iintlantsi eTwickenham, eNgilane, ngentsimbi yesibhozo ebusuku ngoLwesihlanu. Noxa umdlalo ingowobuhlobo, ubuhlobo bubekwa ecaleni xa kudibana la mazwe mabini embhoxweni wehlabathi. AmaBhokoboko aya emdlalweni wangoLwesihlanu ekhangela indlela yokuziphindezela emva kokubethwa yiNew Zealand ngo’35-20 emdlalweni weCastle Lager Rugby Championship kwinyanga ephelileyo.

Umqeqeshi weSpringboks, uJacques Nienaber, wenze iinguqu eziliqela kwiqela eliza kuqala umdlalo – kodwa wabagcina oompondozihlanjiwe babadlali abafana noSiya Kolisi (obuya ekonzakaleni) noMakazole Mapimpi. Uya kwitumente yehlabathi yalo nyaka ephantsi koxinizelelo uMapimpi emva kokwehla komdlalo wakhe nangenxa yokudlala kakuhle kwabadlali abasedyongo abafana noCanan Moodie noKurt-Lee Arendse abaziqaqambisile kwiRugby Championship. Nakubeni kunjalo, emidlalweni egqithileyo yeSpringbok kutshanje, uMapimpi ubuyise ubuhlungu aziwa ngabo embhoxweni wehlabathi. UMapimpi uxelele iintatheli kule veki ukuba ukudlala kakuhle kwabadlali abatsha akakuboni njengento embi.

“Andiboni ngxaki ekudlaleni kwabo kakuhle ngoba sesimdlalweni. Ndiyaziqhenya ngomsebenzi owenziwa ngabadlali abasakhulayo. Into entle ngokudlala kakuhle kwabo kukuba kulola iqela ngoba bona banamandla kakhulu. Okubalulekileyo kum kukuqhuba kakuhle kweqela ngaphezulu kwayo yonke into,” utshilo uMapimpi. Kwelinye icala, yena uEben Etzebeth uthe iSpringbok siza kuzama ukuwuphumelela umdlalo. “Siza kudlalela ukuphumelela umdlalo eTwickenham – ebaleni esiza kube sidibene neentshaba zethu ezinkulu. Iingqondo zethu sizibeke emdlalweni ngoba sizama ukuzilola njengokuba sisondela kwitumente yehlabathi,” utshilo uEtzebeth. AmaBhokobhoko alungiselela umsebenzi onzima wokukhusela iNdebe yeHlabathi awayiphumelela eJapan ekupheleni kinyaka ka2019.