Uvalwe umlomo uMorgan Mammila obefunge wamunca iintupha ekuqaleni kweveki. Iintshatsheli ezikhuselayo, iMamelodi Sundowns, ziquthise iChippa United zakugqiba zayibeka endaweni yayo ngamagowuli amabini eqandeni emdlalweni weDStv Premiership obushushu eNelson Mandela Bay Stadium namhlanje ebusuku. Mine ilandelelana imidlalo ephunyelelwe yiSundowns ebethwa ngumoya phezulu kwiDStv Premiership. Kanti yona iChippa United inamanqaku amathathu emva kokubethwa okokuqala emidlalweni emine eyidlalileyo kwisizini eqhubekayo. Umdlalo uqale ngesantya esiphezulu, omabini amaqela ahlaselene futhi engoyikani. Umdlalo ubumhle kakhulu emntwini obukele ehleli ekhaya kanti nakulowo ebeye ebaleni.
Emva kokugibiselana ixesha elide, iAubrey Modiba uqhufuze iqanda ngebhola abhakuzelise umnatha ngayo isuka kwinjini yeSundowns, uThemba Zwane. Emva kwemizuzu emine, uJustice Chabalala ugwaze umkhonto ekhaya yatsho yakhokelela iSundowns ngamagowuli amabini kwelinye. Ibenelishwa nje nayo iChippa United kwisigaba sokuqala. URonaldo Maarman noChabalala baphantse bamfaka engxakini uRonwen Williams – kodwa ngelishwa labo, ukwazile ukuqubisana nezo bhola akwenzeka nto embi kuye. Ibuyele ebaleni iChippa United iphantsi koxinizelelo kwisigaba sesibini ngenxa yetyala lamagowuli amabini iSundowns ewafumene ngenxa yeempazamo zayo kwisigaba sokuqala. Kodwa nakubeni kunjalo, okwenzekileyo kwenzeke kuba iSundowns ibicinezele.
Iqela likaRulani Mokwena lidlalile kwisigaba sesibini nakubeni lingakwazanga ukufumana amagowuli kwakhona. Ebekhona wona amathuba – kodwa bekungekho kuxhina ngokufanayo nakwisigaba sokuqala. UMaarman ufumene elinye ithuba lokucutha ityala – kodwa ibhola yakhe ibhabhe ngaphezulu kweepali. Belikhona ithuba elicacileyo leSundowns lokongeza ebhodini – kodwa umzamo kaGrant Kekana uye wathintelwa ngumdlali weChippa United ezamile ukulwa nakwisigaba sesibini somdlalo. Oyena mdlali obenawo amathuba okuyinceda kakhulu iChippa nguAugustine Mulenga. Ingxaki yakhe ibe kukuba iibhola zakhe zisoloko zikhatyelwa phezulu futhi unayo ingxaki yokungakhabi ngamanye amaxesha ithuba limvumela. UMammila ukhale ngamathuba angasetyenziswanga watsho esithi ithemba lempumelelo usenalo ngoba iqela lakhe lidlala kakuhle.