Abadlali beMoroka Swallows bevuyela ukubetha iSekhukhune United emdlalweni weDStv Premieship izolo ePeter Mokaba Stadium. Umfanekiso: MS/Facebook
USteve Komphela uthi ilaka efunyenwe yiMoroka Swallows iyisebenzele. Intetha kaKomphela ilandela emva kokuba iSwallows ibethe iSekhukhune United ngamagowuli amabini kwelinye emdlalweni obunzima ePeter Mokaba Stadium izolo ebusuku. Noxa uKomphela evuyele impumelelo yakhe njengomqeqeshi omtsha weSwallows – kodwa kubekho ingxoxo ngenxa yegowuli lesibini usompempe alivumileyo nangona bekucacile ukuba unozinti ugilwe nguGabadinho Mhango eyibambile ibhola kakuhle wangena nayo ngaphakathi emnatheni. Bakhale esimantshiyane abeSekhukhune United – kodwa kwanyanzeleka ukuba bafe namthanyana ngoba isigqibo sikasompempe asiguqulwa.
Ethetha emva komdlalo, uKomphela uncome abadlali bakhe ngokulwa kude kube ngumzuzu wokugqibela emdlalweni obunzima izolo. “Umdlalo uphele kanye ngendlela obudlalwa ngayo,” utshilo uKomphela echwayitile. Emdlalweni wokuqala, iSwallows yabambana neGolden Arrows ngo’1-1 phambi kokubethwa yiCape Town City ngo’1-0 emdlalweni wesibini weDStv Premiership. “Ebekhona amaxesha ebekubonakala ukuba omabini angawuphumelela umdlalo ngoba wona ububambene kakhulu. Besinawo amathuba emdlalweni. Nakwisigaba sokuqala ebekhona amathuba ebekufanele ukuba siwasebenzise kakuhle. Ngamanye amaxesha kuyafuneka siqinise ukwenza kwethu ebaleni.
“UGabadinho Mhango urhuqe ibhola esuka ekoneni wayinika uTshegofatso Mabasa – lithuba eliya ebekufanele ukuba silisebenzisile. Ukuzimisela nokunxanelwa ukuphumelela kusincedile. Ilaka yegowuli iwe phezukwethu siyisebenzele nokuba kukho imibuzo na ngegowuli esilifumeneyo. Umsebenzi wethu omhle esiwenze ebaleni ubungenokwazi ukuhamba nje. Amazulu aye ayincumela. Impumelelo yona siyifumene ngoba iSekhukhune isinike umdlalo osemgangathweni ophezulu. Xa usebenza ngokuzimisela, umvuzo uyalandela. Kuyo yomithathu imidlalo esiyidlalileyo ibiphethwe ngoosompempe abenze umsebenzi ombi. Silwile kwakhona namhlanje kwaye siyawavuyela amanqaku amathathu,” utshilo uKomphela. Ngoku iSwallows ihleli kwindawo yesithandathu.