Ibuyela ekhaya i’Orlando Pirates igoqoza nenqaku elinye emva kokuba ibambene neChippa United ngegowuli elinye macala emdlalweni weDStv Premiership obumhle eNelson Mandela Bay Stadium kubusuku bangoLwesibini. UBandile Shandu ungcangcazelise umnatha emzuzwini wamashumi amabini anesine kwisigaba sokuqala emdlalweni oqale kakuhle omabini amaqela ehlaselana. Akukho qela ebelizibambile, omabini angene ebaleni eyokudlalela ukuphumela. Igowuli elifakiwe aliyityhafisanga iChippa United. Kuyiwe kwixesha lokhuphumla iPirates ihamba phambili ngegowuli elinye. Ebekhona amathuba emdlalweni okufumana igowuli okanye amagowuli ebinokuwafaka (iPirates) yakugqiba iwuthathele kuyo umdlalo.
Kodwa ayikwazanga ngoba iChippa United idlale kakuhle kakhulu, ngakumbi emva nasesiswini apho bekulawula uGoodman Mosele – odlalela iqela laseMpuma Koloni ngemboleko. Kodwa nakubeni bekunjalo, iqela likaMorgan Mammila liye ekhefini linengxaki ekufuneka lifumane isisombululo sayo. Enyuse umxakatho amakhwenkwe kaMammila kwisigaba sesibini. Ibinye into ebifuneka kwiChippa United emdlalweni: ligowuli okanye amagowuli emdlalweni osekhaya. Umqeqeshi ufake uRonaldo Maarman, uCraig Martin noLuvuyo Memela ngexesha elinye ngoba ebefuna bancedise iAugustine Mulenga obetshitsha yedwa phambi.
UMosele ukhabe ibhola yangena phakathi engayithintanga unozinti wePirates, uSipho Chaine. Igowuli liyihluphezile iChippa United ngoba iquqe ibuyelela emhlabeni wePirates edlale kakuhle nayo emva. UZakhele Lepasa, obefake amagowuli amathathu ngempelaveki, ufakwe ebhotileni yiChippa wagoduka engabhaqanga nto. Umdlalo uphele amaqela entanganye ngegowuli elinye macala. Emva komdlalo, uMammila uthe iqela lakhe bekufanele ukuba liyibethile iPirates. “Andizami ukujongela phantsi mntu – kodwa bekufanele sifumene amagowuli amathathu kulo mdlalo. Siqubisene nayo ngqo iPirates ngaphandle kokuhlala emva,” utshilo uMammila. UMosele uyixhayile iPirates ebinethemba lokuzuza impumelelo emva kokuqhuba kakuhle kwiMTN8.