Ezemidlalo

iDowns yoxuthe amanqaku kwiChiefs ebidikidiki eLucas Moripe Stadium

Pedro Mapelo|Published

UThapelo Maseko ngumdlali weMamelodi Sundowns. Umfanekiso: MS/Facebook

UThapelo Maseko ngumdlali weMamelodi Sundowns. Umfanekiso: MS/Facebook

Ifumene enye impumelelo iMamelodi Sundowns yabuyela phezulu kwiDStv Premiership. Oku kwenzeke emva kokuba ibethe iKaizer Chiefs ngamagowuli amabini kwelinye emdlalweni obubanjelwe eLucas Moripe Stadium emalanga namhlanje. Lo ibingowona mdlalo omkhulu ngalo mhla woomama kwilizwe loMzantsi Afrika. Ngelishwa labo abalandeli beChiefs, bagoquke iintliziyo zabo zibuhlungu emva kokuba iqela labo lenze iimpazamo ezincede iSundowns. ULucas Ribeiro Costa uyibeke endaweni entle iSundowns kwangoko emdlalweni emva kwempazamo endaweni embi eyenziwe nguCastillo noPetersen ongakhabelanga ibhola kude. Akukho nto ecacileyo eyenziwe yiChiefs kwisigaba sokuqala ngoba iSundowns ibidlala yodwa.

Ibidlalela emva iChiefs, lo nto yanika uThapelo Maseko ithuba lokwenza into ayithandayo kwicala lasekhohlo. UReeve Frosler ebenyuka esehla ngenxa kaMaseko – kodwa ukwazile ukuzichitha ezinye iibhola. Emva kokuya kwixesha lokuphumla iSundowns ihamba phambili ngegowuli elinye, ibuye kwesesibini yakhangela elesibini igowuli. Kubekhona ukwahluka kwindlela edlale ngayo iChiefs kwisigaba sesibi. Ihlasele noxa uRanga Chivaviro ebengenawo kwaphela umfutho phambili. UPeter Shalulile ukhe wafumana ithuba lokufaka igowuli – kodwa wafika ethe qwa uPetersen ovale iibhola eziliqela engeziyifake engxakini iChiefs.

Ukungena kuTebogo Potsane kube nefuthe kwangoko emdlalweno. Kwimizuzwana esebaleni, ushiye abadlali beSundowns wagoba ibhola edibene no-Ashley Du Preez wayivalela emnatheni. Ligowuli elo elinike iChiefs ithemba lokufumana inqaku elinye okungenani emdlalweni engadlalanga kakuhle kuwo. Uthe akubona ukuba iqela lakhe alenzi kakuhle, uRulani Mokwena ufake uNeo Maema ofake igowuli lesibinii ngebhola ebhutyuzwe nguPetersen. Ufumene iwonga lomdlali oqaqambileyo uMaseko emva kokudlala kakuhle emdlalweni awuqalileyo namhlanje eLucas Moripe Stadium. Amakhosi, angekaphumeleli kule sizini, angene emdlalweni kubonakala ukuba akafuni ukubethwa – kodwa azibetha ngokungadlali into ecacileyo nokwenza iimpazamo ebaleni.