Kwiminyaka egqithileyo, iSuperSport United, ibikade iphakathi kwamaqela anesikhwama esikhulu semali. Kodwa izinto zaguquka ngenxa yemeko zoqoqosho. Mvanje ibonwa njengeqela elivelisa abadlali ukuze libathengisele iMamelodi Sundowns edume ngokuthenga abadlali abasemgangathweni ophezulu. Ukuthengisa kwayo kakhulu iSuperSport United kuyitheze amandla, ayabiyiyo leya yaziwa ngokulwela iindebe. Kunyaka ophelileyo, Amatsatsantsa athengisele iSundowns iziqwayi zabadlali abafana noRonwen Williams, Aubrey Modiba, uTeboho Mokoena noSipho Mbule. Kwiveki ephelileyo, iSundowns ithenge uThapelo Maseko – omnye wabadlali abanekamva eliqaqambileyo abazibonakalise kwisizini egqithileyo.
Nakubeni kunjalo, Ingqonyela yeSuperSport United, uMnu. Stan Matthews, izamile ukucacisa ukuba kutheni ithengise abadlali beqela ababalulekileyo. “Ndathi xa ndithengisa uRonwen kunyaka ophelileyo, wonke umntu wayendibuza ukuba ndimhambisa njani umdlali onexesha elide kwiSuperSport United? Ndamyeka wahamba kodwa, emva kwakhe savala isizini kwindawo yesithathu. URonwen ebengunozinti wethu iminyaka elithoba – kodwa zange sayifumana indawo yesithathu,” utshilo uMatthews. Njengokuba kusondela isizini entsha, uGavin Hunt, uqokelele abadlali abaliqela abanamava acinga ukuba bangamnika indebe yeDStv Premiership.
“Into ebalulekileyo kukuba neqela eliza kulwela iindebe. Ungatsho uthi ndikhulisa abadlali abathathwa ngamanye amaqela – kodwa imali abathengwe ngayo yile isincedayo ukuze sibenezinto eziza kusinceda. Sikwazile ukufumana abadlali abafana noPfumbidzai, uHamza, uMagerman, uNdlovu uDzvukamanja, Ighodaro noNange kwimali esiyifumene ngabadlali abathengisiweyo. Iqela lethu lomelele ngaphezulu kunangokuya bebekhona abadlali abahambileyo,” utshilo uMatthews, okwathe ebecinga ukuba uMaseko uza kuhlala omnye unyaka phambi kokuba ahambe. “Andiqondi ukuba uMaseko uhambe ngexesha elilungileyo. Ngeke afumane ithuba elaneleyo lokudlala kwiSundowns – kodwa ke umdlali uye ajonge Ikamva lakhe,” utshilo uMatthews.