Sesona Tshume. Umfanekiso: Uthunyelwe
Kungekudala, uMzantsi Afrika uza kuthumela ikhulu elinamashumi asixhenxe ananye abantwana abaza kuthatha inxaxheba kwitumenete yehlabathi enkulu ekuthiwa yiWorld Gymnaestrada Amsterdam 2023 ukusukela ngomhla wamashumi amathathu kule nyanga ukuya ngomhla wesithandathu kwinyanga ezayo.
Phakathi kwabo bantwana baya eNetherlands kwakube kukho uSesona Tshume – intombazana eziqaqambisileyo kwemithambo emva kokuzifundisa kwiminyaka embalwa egqithileyo. USesona, 14, waseGqeberha uhamba neqela eliya eYurophu emva kokuqaqambisa emidlalweni yezithili neyephondo. Kwiinyanga ezidlulileyo, le ntwazana igoduke neembasa zegolide ezine.
Kumnandi kakhulu kuye uSesona ngoba wenza into ayithandayo. “Ndiziva kamnandi kakhulu ngoba yonke le ndaziqalela ngokwam,” utshilo uSesona kweli phephandaba phambi kokuya kwakhe eYurophu – apho ayokumela uMzantsi Afrika khona.
“Ndifuna ukuphumelela. Ekuphumeleleni kwam, ndinethemba lokuba bakubakhona abantu abaza kuwubona umsebenzi wam. Ukukhuphisana nezinye iintshatsheli kwitumente yehlabathi kuthetha ukuthi nam ndingazenza izinto ezinkulu futhi ndiyakhuthazeka kakhulu. Sifuna ukuqhuba kakuhle phaya futhi siqinisekise ukuba uMzantsi Afrika usendaweni ephezulu,” utshilo uSesona. Konke oku kwenzeka kamnandi exhaswa ngumama wakhe, uZukiswa Tshume, othi ubomi baguquka ekhaya ukusukela mhla intombi yakhe yaqala imithambo (Gymnastics).
“Alisekho ixesha lokuhlala silusapho. Kufueneka aye ejimini phantse yonke imihla, ngakumbi ngoku alungiselela ukuhamba. Kunzima nokuya enkonzweni ngenxa yokuxakeka,” utshilo umama kaSesona.
“Ndizingca kakhulu ngenxa yenkqubela ayenzileyo uSesona kule minyaka embalwa edlulileyo. Kumnandi kum kakhulu futhi ke ndazixelela ukuba ndiza kumxhasa kangangoko. Singabazali sisoloko sifuna abantwana bethu bakhule ngendlela ethile – kodwa ngoku abantwana bayazikhethela izinto abazithandayo.
“Xa abantwana bekhethe izinto ezintle, kufuneka sibaxhase. Ndiyazingca kakhulu ngomsebenzi owenziwe nguSesona njengokuba esiya phesheya. Mna zange ndaya phesheya,” utshilo uZukiswa Tshume. Bebonke bathathu abantwana baseMpuma Koloni abaya eAmsterdam.