UNkosingiphile Ngcobo emdlalweni obuphakathi kweKaizer Chiefs neYoung Africans kwiveki ephelileyo.
Umqeqeshi weKaizer Chiefs, uMolefi Ntseki uthe wonelisekile yindlela elidlale ngayo eTanazia nangona libuye lisophisa. Oku ukuthethe emva kokuba iChiefs ibethwe yiYoung Africans ngo’1-0 emdlalweni wobuhlobo obubanjelwe eDar es Salaam kwibala ekuthiwa yiBenjamin Mkapa Stadium.
Abantu abaninzi bebelindele umdlalo obhetele kunalowo abawunikwe ngabadlali abatsha. Kodwa nangona kukho ukubethana kwezimvo – kodwa yena uNtseki uthe wonelisekile ngumdlalo awunikwe ngabadlali bakhe abatsha.
Uphantsi koxinizelelo uNtseki ngenxa yabalandeli abaneengcwangu ngenxa yendlala yeminyaka esibhozo. ‘’Ukuba uyiqwalasele indlela esidlale ngayo isiqingatha sokuqala nesesibini, uza kuphawula kuyabonakala ukuba kukho into esiyiphekayo,’’ utshilo uNtseki ngokuzithemba eTanazania emva komdlalo.
Umqeqeshi uthe umdlalo weveki ephelileyo unike abadlali abatsha ithuba lokuzithengisa kubaqeqeshi phambi kwesizini entsha. ‘’Ikhona into esiyiphekayo. Kubekho umahluko obonakalayo xa sibambe ibhola. Lo nto ithetha ukuthi sesikufutshane kwindlela esidlale ngayo,” utshilo uNtseki obeqala ukuqeqesha iChiefs.
Phakathi kwabadlali abatsha abadlalileyo kukho amadoda afana noThatayaone Ditlhokwe, uEdson Castillo, uPule Mmodi, uGiven Msimango noMduduzi Mdantsane. Bekucace gca ukuba abalandeli beChiefs bebefuna ngaphezulu kunoko bakunikiweyo ngabadlali abatsha.
“Sisekumalungiselelo esizini entsha. Siza kujongana nomdlalo omnye ngexesha. Abadlali abatsha baqhube kakuhle. Ewe, siyiyekile iYoung Africans yenza into eyithandayo ngamanye amaxesha – kodwa yona indlela esidlale ngayo ibintle,” utshilo umqeqeshi.
Amakhosi kulindeleke afumane elinye ithuba lokuzilola xa edibana neTownship Rollers, umdlalo oza kube useBontswana ngoMgqibelo. Umdlalo oseBotswana unika uNtseki nabadlali bakhe ithuba lokubonisa ukuba izinto ngeke zifane nakwisizini egqithileyo phantsi kuka’Arthur Zwane.
Ngumdlalo obaluleke kakhulu lo wobuhlobo ngempelaveki ngoba uza kuvavanya iqela eliza kuvula isizini yeDStv Premiership. Amakhosi aza kudibana neChippa United emdlalweni oza kube useMoses Mabhida Stadium.