Abalandeli bebhola ekhatywayo baza kulala bevundlile ngoba iqela labo liza kube lidlala ekuseni kakhulu. UMzantsi Afrika uza kuthathana ne’Argentina emdlalweni weFIFA Women’s World Cup oza kube useForsyth Barr Stadium ngentsimbi yesibini ekuseni ngomso. Omabini amaqela aya emdlalweni wangomso esophisa emva kokubethwa emidlalweni yokuqala. ABanyana Banyana baguqiswa phantsi emzuzwini wokugqibela yiSweden ngo’2-1 emva kokwenza iimpazamo ezincinci nakubeni babedlale kakuhle emdlalweni. Yona iArgentina ibethwe yi-Italy ngegowuli elinye eqandeni.
Lo nto ithethe ukuthi kunyanzelekile omabini amaqela aphumelele ngomso ukuba akafuni ukukhulula ijezi kwangoko kwitumente yehlabathi. Umqeqeshi waBanyana Banyana, uDesiree Ellis, uxelele iintatheli namhlanje ukuba baza kufela emfazweni futhi iqela lakhe likulungele ukuphumelela umdlalo walo wokuqala kwitumente yehlabathi. “Noxa iqela lethu lisiza okwesibini kwitumente yehlabathi – kodwa ikhona inkqubela esiyenzileyo eminyakeni edlulileyo ukusukela eFrance,” utshilo uEllis. Emva kweempazamo ezenziwe liqela lakhe emdlalweni ogqithileyo, uEllis khange avume ukugxila ezintweni ezimbi – uthathe okuhle anethemba lokuba luza kunceda iqela ngomso.
“Abadlali bethu bomelele emva kwazo zonke izinto ezenzekileyo. Kunizni okuliwe liqela lethu phambi kokuba sifike apha. Asiyiqhelanga indlela elula. Siliqela elikhaliphileyo futhi elikwaziyo ukuzilwela. Nangona sibethiwe emdlalweni wokuqala – kodwa abanti balibonile iqela loMzantsi Afrika. Sinethemba lokuba siza kwenza ngcono ngomso. Ngumdlalo ekunyanzelekileyo siwuphumelele lo siya kuwo futhi lithuba esinalo lokuya phambili kwitumente yehlabathi,”utshilo uEllis. Umdlali ofana noThembi Kgatlana uza kubaluleka emdlalweni ofana nalo wangomso ngenxa yamava anawo nangona abantu abaninzi bebengonelisekanga yindlela adlale ngayo emdlalweni ogqithileyo.