Umqeqeshi waBanyana Banyana, uDesiree Ellis, ubalule izinto ezintle ezenziwe liqela lakhe emva komdlalo wanamhlanje. ABanyana Banyana baguqiswe phantsi emzuzwini wokugqibela yiSweden ngamagowuli amabini kwelinye emdlalweni weFIFA Women’s World Cup obutaka iintlantsi eWellington Regional Stadium ekuseni namhlanje. Ukubethwa kweqela lakhe kuvimbe uMzantsi Afrika ithuba elihle lokufumana inqaku okanye impumelelo yokuqala kwitumente yehlabathi. Noxa iSweden ibilelona qela elinamandla emdlalweni - kodwa liphume ebaleni lingawulibali uMzantsi Afrika odlale kakuhle nawo phambi kokufakwa kwamagowuli kuwo. Isiqingatha sokuqala siphele kungekho nto ebhidini.
Lo nto iyiphazamisile iSweden ebibonakala ukuba ilwela ukufumana igowuli kwangoko emdlalweni. Unozinti woMzantsi Afrika uye wachitha iibhola ezimbalwa noxa belikhona ixhala ngenxa yendlela obucinezelwe ngayo lelinye lamazwe anamandla ebholeni ekhatywayo yamanenekazi. UMzantsi Afrika utsazise igazi kuqala ngegowuli elifakwe nguHildah Magaia emzuzwini wamashumi amane anesibhozo. Igowuli liyixhokonxile iSweden ebuye ngamandla yafumana elayo igowuli elifakwe nguLebohang Ramalepe ngempazamo. Umqeqeshi weSweden ufake iingcwayingcwayi zabadlali akubabhaqa aBanyana Banyana ukuba bayasokoliswa ziibhola eziphezulu ngenxa yobufutshane.
‘Ngethamsanqa layo, ifumene igowuli elifakwe ngu-Ilestedt sekuphela ixesha lomdlalo. ‘Siqubisene nayo yonke into abayijule kuthi kakuhle kakhulu emdlalweni. Nendlela ebe sisiya ngayo phambili ibintle - kodwa into esiphoxileyo zizigqibo zethu emhlabeni weSweden,’ utshilo uEllis emva komdlalo. ‘Ngethuba sifumana igowuli, umdlalo besiwuthathele ngakuthi. Igowuli labo elifakwe sithi lifike ngexesha elibi futhi liye lasibuyisela emva. Siye emdlalweni sisazi ukuba baza kusisokolisa kwiibhola eziphezulu - kodwa ndicinga ukuba sidlale kakuhle kakhulu,’ utshilo uEllis ovale ngelithi uyaziqhenya ngomsebenzi owenziwe ngamasoja wakhe emdlalweni wanamhlanje. UMzantsi Afrika uza kudibana ne’Argentina emdlalweni olandelayo.