Umqeqeshi weKaizer Chiefs, uMolefi Ntseki no-Itumeleng Khune, bethetha neentatheli eTanzania izolo. Umfanekiso; KC
Igqala likanozinti kwiKaizer Chiefs, u’Itumeleng Khune, seqinisekisile ukuba umqeqeshi omtsha, uMolefi Ntseki, uza kufumana inkxaso kwiqela lonke. UKhune ebethetha phambi komdlalo wobuhlobo omkhulu phakathi kweChiefs neYoung Africans SC oza kube useDar es Salaam namhlanje [uMgqibelo] emalanga ngentsimbi yesithandathu. Intetho kaKhune ixhokonxwe yimibuzo nesankxwe esenziwe ngabalandeli emva kokuba uGqirha Kaizer Motaung ebhengeze igama likaNtseki njengomqeqeshi oza kuthatha iintambo ku’Arthur Zwane engaqhubanga kakuhle konke konke iChiefs phantsi kwakhe kwisizini egqithileyo. Ukugqwidiza kwayo iChiefs kunyanzele abaphathi bayo ukuba baxoze omnye umphini.
Kwaye kwavakala ukuba iChiefs ithetha noNassredine Nabi ohlonitshwayo kakhulu ekhusini emva kokunceda iYoung Africans efumene iindebe ezimbini kwisizini ephelileyo. Kodwa elo linge liye laphanza kuba wayefuna ukuza nabancedisi bakhe ngokutsho kwamajelo eendaba, yabe yona iChiefs ingafuni kubekho abantu abasuswano. Igama likaNtseki livele kweso sithuba, kwakucaca ukuba ixesha lokuvulwa kwesizini lisondele engekho umqeqeshi omtsha. Zisuka nje, uNtseki unoxanduva lokuphelisa indlala egquba eNaturena iminyaka esibhozo yonke. ‘Saweva amahumhum athi uNassredine Nabi uza kwiKaizer Chiefs - kodwa andazi ukuba kwaye kwenzeka ntoni,’ utshilo uKhune kumajelo eendaba eTanzania phambi komdlalo omkhulu.
‘Sinomqeqeshi omtsha, ngoku sonke sijonge emdlalweni ozayo. Ndeva ezindabeni ngokuza kukaNabi - kodwa izinto zange zihambe ngokwesicwangciso. Kodwa ke ndifuna ukuthi sinaye umqeqeshi [ngoku] futhi sizimisele ukumnika yonke inkxaso emfaneleyo siliqela,’ utshilo uKhune obengasetyenziswa ncam nguZwane obezithandela uPetersen kwisizini ephelileyo. Emva komdlalo wale mpelaveki, Amakhosi aza kuntingela ebimelwaneni, eBotswana - apho aza kudibana neTownship Rollers kwiveki ezayo ngomhla wamashumi amabini anethoba. Amakhosi adlala imidlalo yobuhlobo kuba elungiselela ukuvula sizini entsha aza kuyivula ngokudlala neChippa United emdlalweni oza kube useMoses Mabhida Stadium, eThekwini, ngomhla wesihlanu kwinyanga ezayo.