Andile Jali ngumdlali weMoroka Swallows FC.
USihlalo weMoroka Swallows, uMnu. David Mogashoa, usicacisile isizathu esibangele ukuba iqela lakhe lityikitye umdlali ofana no-Andile Jali obekade engumdlali weMamelodi Sundowns. Ekupheleni kwesizini yeDStv Premiership ka2022/23, iSundowns yamkhulula uJali ukuze akwazi ukuzifunela iqela elitsha. UJali ukhululwe sele enexesha elide engasadlaliswa nguRulani Mokwena emva kweengxelo zokungaziphathi kakuhle ezavakala ekuqaleni konyaka.
Kwiintsuku ezigqithileyo, uJali waziswe njengomdlali omtsha weSwallows. Ukufika kwakhe kuza emva kokufika kukaSteve Komphela oza kuba ngumqeqeshi weSwallows elungiselela isizini entsha emva kwebimbi edlulileyo noxa uMusa Nyatama, olisekelamqeqeshi, waye wakwazi ukuyisindisa ezembeni.
Ekuqaleni, kwakuthiwe umqeqeshi iza kuba nguNyatama ancediswe nguDitheko Mototo - kodwa izinto ziye zaguquka kwiiveki ezigqithileyo ngethuba kufika uKomphela ekhala ngokungqinitywa kwiSundowns.
UJali ngoyena mdlali osemgagathweni ophezulu ofunyenwe yiSwallows noxa bekhona abanye abadlali afike emva kwabo. “Kundonwabisa kakhulu ukufika kukaJali,” utshilo uMnu. Mogashoa kwiGagasi FM.
UMhlekazi, isiteketiso abizwa ngaso ebholeni, udlalele iOrlando Pirates awazibalula kuyo phambi kokuya kwiSundowns emva kokubuya eYurophu. “UJali ngumdlali enethuba edlala kwinqanaba eliphezulu, unamava futhi endicinga ukuba aza kuyinceda kakhulu iSwallows.
“Ngumdlali oyilawulayo ibhola futhi ekunzima ukuba ithathwe kuye. Ngumdlali wokuqala ngoku siyiMoroka Swallows. Abanye abadlali bafike siseyiSwallows FC,” utshilo uMogashoa, owongeze ngelithi wayemfuna uJali esadlalela iqela laseBelgium.
“Ndandifuna adlalele thina emva kokubuya kwakhe eYurophu. Kuthe xa kufika umqeqeshi wethu omtsha, ndathi kuye ndifuna ukudibanisa nonyana wakho. UKomphela uthe akazuthetha ngoba abantu baza kuthi uza nabantu bakhe kwiSwallows. Sicinga ukuba uza kuba luncedo kakhulu kwiMoroka Swallows umdlali wethu omtsha,” utshilo uSihlalo onethemba lokuba iqela lakhe liza kwenza umsebenzi obhetele kwisizini ezayo ngaphezulu kunezigqithileyo.
Isizini ivulwa kwiveki yokuqala kwinyanga ezayo.