Ezemidlalo

Batsha ziintambo abeSPAR Proteas phambi kweNetball World Cup

Pedro Mapelo|Published

UBongiwe Msomi nguKapteni weqela lesizwe loMzantsi Afrika lomnyazi. Umfanekiso; ©Samuel Shivambu/BackpagePix

UBongiwe Msomi nguKapteni weqela lesizwe loMzantsi Afrika lomnyazi. Umfanekiso; ©Samuel Shivambu/BackpagePix

Njengabaninzi abantu abamnyama eMzantsi Afrika, uBongiwe Msomi, zange acinge ukuba angadlala kwitumente yehlabathi esemncinane. Hay’ke yona eyokukhokela iqela lesizwe lomnyazi, wayengayiphuphi nokuyiphuma. UMsomi, 35, owafumana ithamsanqa lokunikwa ithuba elinqabileyo lokudlala ibhola yomnyazi kwinqanaba eliphezulu, uza kukhokela iSPAR Proteas okokuqala kwitumente yehlabathi eAfrika. Yena noogxa bakhe babila besoma enkampimi - apho balungiselela ukuqubisana nezizwe zehlabathi xa kuqala iNdebe yeHlabathi ngomhla wamashumi amabini anesibhozo kule nyanga yeKhala. Abadlali beSPAR Proteas babuyele enkampini ekuqaleni kwale nyanga emva kokusongwa kweTelkom Netball League amaqela wabo adlala kuyo.

UMzantsi Afrika ujongene nomsebenzi onzima kakhulu ngoba kufuneka ususe amazwe afana neNgilane neNew Zealand ukuze ube ziintshatsheli okokuqala kwimbali yomnyazi wehlabathi. Ngaphezulu kwaleyo into, baza kube bedlalela phambi kwabalandeli babo ekufuneka bangabaphoxi. Kodwa nakubeni kunjalo, uMsomi uthi iqela lakhe likulungele ukuqubisana nehlabathi. ‘Imidlalo yeTelkom Netball League isincedile kakhulu ngoba sifithi ngenxa yayo. Yiyo esilungisileyo ngokwasemzimbeni njengokuba kusiza itumente yehlabathi,’ utshilo uMsomi ethetha neentatheli kule veki eKapa. ‘Kuhle ukudibana kwakhona ukuze zijonge ukuba sikulungele kangakanani na ukuya kwiWorld Cup.

‘Eyona tumenye yomnyazi enkulu iza kudlalelwa elizweni lethu. Yinto enkulu ukuthi ukuba yinxalenye yayo. Sikulungene ukulwela ilizwe lethu. Esikwenzayo ngoku kukuqinisekisa ukuba wonke umntu ukulungele ukudlala,’ utshilo uMsomi onethuba elide enguKapteni othembekileyo weSPAR Proteas. Amava awafumene noogxa bakhe kwitumente yehlabathi egqithileyo aza kubanceda kule yalo nyaka. ‘Ndikhokela iqela eliphantsi komnye wabaqeqeshi abaphumizandla emdlalweni womnyazi kwihlabathi. Kuninci endikufunda kuye. Ukusebenza naye kuyanceda ngoba ubethelele ukuzithemba kum okwenza kube lula ukusebenza nabantu endibakhokeleyo,’ utshilo uMsomi osele edlale imidlalo eqabele kwikhulu elinamashumi amahlanu.