Nolwandle Nongauza. Umfanekiso; WSU
Iphondo leMpuma Koloni lithe gqolo livelisa abantu abagqwesileyo emidlalweni eyahlukeneyo. Kwisithuba nje senyanga, eli phondo likhuphe iinkokeli eziza kukhokela amaqela esizwe kwinqanaba lehlabathi. Kwinyanga ephelileyo, uMichael Mbambani waseGqeberha unikwe umsebenzi onzima wokukhokela iimbaleki zoMzantsi Afrika eziya kwiWorld Championship kwinyanga ezayo. Kanti kutshanje, uNolwandle Nongauza, unikwe uxanduva lokukhokela igqiza elihamba neqela lesizwe leSoftball South Africa. Amaxhwangusha oMzantsi Afrika athatha inxaxheba kwimidlalo ehlakulela iWBSC Wommen’s Softball eqhubekayo ngoku eSpain.
UNongauza ngumphathi weqela lesizwe - kodwa kuthiwe makakhokele lonke iqela xa kusiyiwa kwitumente yehlabathi ngenxa yamava anawo kwezolawulo nasemdlalweni weSoftball ngokubanzi. Uneminyaka eliqela emane elikwa umsebenzi wokukhokela iqela lesizwe xa lisiya kwiitumente zehlabathi ezinkulu njengale iqhubekayo kule nyanga yeKhala. ‘Eli lithuba elihle nelindichulumancisa kakhulu. Ndiza kuphakamisa igama leWalter Sisulu University nelizwe lam kwitumente yamazwe ngamazwe,’ utshilo uNongauza kwikhasi lonxibelelwano laseWSU kwiveki ephelileyo. Njengomphathi othenjiweyo, uNongauza kufuneka aqinisekise ukuba iqela lihamba kakuhle, lihlala kakuhle apho liya khona ukuze abadlali nabaqeqeshi bakwazi ukubeka iingqondo zabo emsebenzini wabo ngaphandle kokuphazamiseka.
‘Kusoloko kunzima ukulungiselela iqela elinabantu abaninzi abangafaniyo, ngakumbi xa kusiyiwa kwiitumente ezinkulu. Kodwa nakubeni kunjalo, ndizimisele ukuqinisekisa ukuba wonke umntu ufumana inkxaso ayifaneleyo ukuze iqela likwazi ukuphumelela,’ utshilo uNongauza emva kokwamkela umsebenzi awunikiweyo. Noxa izinto sezithande ukuguquka emva kukabhubhane oyiKhorona, yena akufanelanga asokole ngoba ngonyaka ka2017, ebekhokele iqela lesizwe lisiya kwiWomen’s Softball Championship eyayibanjelwe eMelika. Imidlalo yetumente yehlabathi kwilizwe laseSpain iqale ngomhla wesithandathu kule nyanga yeKhala, iza kusongwa ngomhla weshumi elinanye ngomso.