UKurt Lee Arendse weSouth Africa esukelwa nguMichael Hooper weAustralia emdlalweni weRugby Championship obusePitoli ngempelaveki. Umfanekiso; ©Gavin Barker/BackpagePix
Umdlali wombhoxo onekamva eliqaqambileyo, uKurt-Lee Arendse, wenze ezibukwayo ngempelaveki egqithileyo ngethuba AmaBhokobhoko evuthulula iAustralia ngemvula yamanqaku angamashumi amane anesithathu kwalishumi elinambini [43-12] emdlalweni weCastle Lager Rugby Championship obuseLoftus Versfeld Stadium. Kwinqwaba yamanqaku azuzwe nguMzantsi Afrika, uArendse ulele emgceni izihlandlo ezithathu eyedwa - into emenze wangoyena mdlali oqaqambileyo emdlalweni wokuvula isiqendu esitsha seRugby Championship salo nyaka ka2023. Noxa bekukho ixhala kubalandeli bombhoxo boMzantsi Afrika ngokulungela kwawo itumente yehlabathi, batsho baswabuluka emva kokuba iqela labo lingobe iAustralia - elinye lamazwe ayingozi kakhulu embhoxweni wehlabathi.
Inconyiwe indlela adlale ngayo uKurt-Lee Arendse osengumdlali omtsha kwiqela lesizwe - kodwa uthe makunconywe iqela lonke elonwabise izihlwele zabantu ebezigcwalise ibala ePitoli. ‘Ukwenza igalelo kwimpumelelo yeqela lesizwe yinto entle kakhulu, ngakumbi phambi kwabalandeli belizwe lakho,’ utshilo uArendse odlala indawo yeshumi ebaleni. Njengomdlali osemncinane futhi othobekileyo, uArendse uthe makunganconywa yena yedwa ngoba uyazi ukuba akwanzeliyo ebaleni ibiziziphumo zentsebenziswano yakhe nabanye abadlali aebenze nabo. ‘Sikhulile siliqela xa sijonga umgangatho ebe sikuwo kunyaka ophelileyo. Nam ndisisiqu ndisafunda izinto ngomdlalo wombhoxo. Kodwa andikwazi ukuvuma ndinconywe ndodwa ngokulala kwam emgceni ngoba bendisenza elam igalelo emsebenzini owenziwa liqela,’ utshilo uArendse.
AmaBhokobhoko antingele eNew Zealand apho alungiselela khona umdlalo olandelayo. UMzantsi Afrika uza kuxikixana neNew Zealand emdlalweni weRugby Championship oza kube useMount Smart Stadium, eAukland, ngoMgqibelo. Kulindeleke ukuba kutake iintlantsi emdlalweni ngoba omabini amazwe ayiphumelele imidlalo yawo yokuqala. Yona iNew Zealand izingombele iArgentina ngamanqaku angamashumi amane ananye kwalishumi elinambini qha eMendoza. ‘Sijonge umdlalo olandelayo onzima. Ayiloqela ongalidelela nanini na iNew Zealand. Oogxa bam bakulungele ukudibana nabanye abahambe kuqala ukuze baqinisekile ukuba bawulungele umdlalo,’ utshilo uArende. Iqela labadlali abathile elikhokelwa nguSiya Kolisi, lihambe kuqala ukuya eNew Zealand ngelizama ukuqhelana neemeko zezwe.