Ezemidlalo

UKontsiwe uthembisa ngophuhliso lomdlalo womnyazi ezilalini

Pedro Mapelo|Published

Njengokuba uMzantsi Afrika uza kusingatha itumente yehlabathi yomnyazi ekuthambekeni kwale nyanga, baninzi abantwana ababonise umdla wabo ngethuba kujikeleza indebe yehlabathi eMzantsi Afrika. Kodwa okubi kukuba kwabasezilalini, kunzima ngoba akukho mabala, akukho zikiti futhi kungekho naqeqesho olubhekelephi lwabaqeqeshi olunganceda kwicala lophuhliso lomdlalo. Lo nto yenza kube nzima xa kuthethwa ngophuhliso lomnyazi noxa umdla wabantwana kuwo ukhona. Abaninzi badlala ezikolweni - kodwa ngelishwa labo, ezilalini nasezilokishini azikho iindawo zokudlalela. Ukuza kwetumente eMzantsi Afrika kubakhuthazile kwabanika nethemba lokuzuza amathuba abadlali bomnyazi abaninzi.

Oku kubonakele ngethuba iNetball South Africa ijikeleza ilizwe lonke ibonisa abantu indebe yehlabathi eza kudlalelwa eKapa ukusukela ngomhla wamashumi amabini anesibhozo kule nyanga. Kwiminyaka engamashumi amathandathu, indebe yehlabathi yomnyazi iza kudlalelwa okokuqala kwizwekazi le’Afrika kulo nyaka. UMphathiswa weZemidlalo kwiphondo leMpuma Koloni, uNksz. Nonceba Kontsiwe, uxelele I’solezwe lesiXhosa ukuba isebe lakhe lizimisele ukuphuhlisa ibhola yomnyazi ezilalini ngoba kwiindawo ezisezidolophini ikhona inkqubela ebonakalayo. ‘Sigqibe kwelokuba sigxile kakhulu kuphuhliso lomnyazi ezilalini kulo nyakamali ngoba amathuba akhona ezidolophini,’ utshilo uKontsiwe. Ukuthethe oku eWalter Sisulu University Stadium, eMthatha, ebinabantwana abadlalela amaqela omnyazi nezikolo eziphantsi kwe-O.R.Tambo Municipality.

‘Sithe masize kwiindawo ezikufutshane neelali njengokuba sijikeleza nendebe yehlabathi ukuze ifuthe lifike nakubo. Iyasivuyisa indlela abayithakazelele ngayo, ngakumbi abantwana abangamantombazana amancinane. Njengokuba sijikeleza, zikhona iinkqubo ezixhobisa abantu abakwicandelo lomnyazi,’ utshilo uKontsiwe emalanga ngoLwesihlanu ogqithileyo. Njengokuba abantu abaninzi bengazukwazi ukuya ebaleni ekuza kudlalelwa kulo eKapa, isebe liza kuvula iindawo zikawonke wonke ekuza kubukelwa kuzo kwizithili zonke zaseMpuma Koloni. Njengokuba ixesha lokuqala kwetumente yehlabathi seliondele, umqeqeshi weSPAR Proteas uwabhengezile amagama wabadlali abaza kumela uMzantsi Afrika ekuqaleni kwale veki. Eli qela likhokelwa nguBongiwe Msomi liza kudlala liphantsi koxinizelelo ngoba abantu abaninzi balindele impumelelo kulo kuyo yonke imidlalo eliza kuyidlala.