USivenathi Nontshinga yintshatsheli kwakhona.
Enye yeembethimanqindi eziphambili eMzantsi Afrika, uSivenathi Nontshinga, izibonakalisile kwakhona ngethuba ibetha uReggie Suganob wasePhilippines emlweni we-IBF lightweight obunzima ngorhatya lwayizolo eMonti. UNontshinga, 24, uphumelele ngamanqaku emva kwemijikelo elishumi elinambini e’International Convention Centre ebigcwele abalandeli bamanqindi. Abagwebi ababini bamnike amanqaku ngolu hlobo; 116-111, 117-110. Kwimijikelo yokuqala, uDeon Dwarte, obe ngusompempe womlo, kuye kwanyanzeleka ukuba asebenze emva kokuba uSuganob ezunywe linqindi likaNontshinga ebelinamandla. Kodwa indedeba yasePhilippines ikhawuleze yathi khwasu ngokungathi khange iwe. Imsebenzele uNontshinga la nto ngoba imnike amandla.
Noxa imbethimanqindi yaseMdantsane ibisilwa imlumkele ukonzakaliswa nguSuganob obefuna intshinga - kodwa ikwazile ukuqokelela amanqaku oneleyo emlweni wonke. Emva komlo, uNontshinga wenze amazwi ombulelo kubantu bakokwabo, umqeqeshi wakhe noogxa bakhe nabantu bonke abancedileyo kumalungiselelo womlo ebekunyanzelekile awuphumelele phambi kwabalandeli bakhe eMonti. ‘Siphumelele kwakhona. Ndibulela bonke abantu abandincedileyo phambi komlo wam namhlanje,’ utshilo uNontshinga emva kokukhusela intshinga yakhe okokuqala. ‘Eyona nto endincedileyo kule mpumelelo endiyizuze namhlanje kukuba bendiyinxanelwe impumelelo kwaye ndisafuna enye.
‘Ndiza kubuyela ejimini kwakhona ngoba ndifuna ukudibanisa amabhanti wam. Wonke umntu emanqindini kufuneka azi ukuba kukho intshatsheli entsha. Ndiziva ndisikelelekile ngoba ndandikade ndibukela amanqindi apha ndisemncinane - kodwa ngoku kubukelwa mna,’ utshilo uNontshinga obechulumance ngendlela emangalisayo emva komlo. Umqeqeshi wakhe, uColin Nathan, uvakalise uvuyo olukhulu emva kokuphumelela kwembethimanqindi yakhe. ‘Ndibulela iRumble Africa Promotions ngoba bezikhona iingxaki endleleni yethu. Kodwa siyifumene impumelelo emva kokusebenza ngokubambisana. UNontshinga yintshatsheli yehlabathi futhi ndibulela bonke abalandeli abeze emlweni namhlanje,’ utshilo uNathan.