Ibuyile kwakhona eyona tumente enkulu yoosozoso eMpuma Koloni - kodwa kweli ityeli, ithe chatha ngakumbi. Ngomhla wamashumi amabini anesibini kwinyanga ezayo, eyeKhaya, oosozoso abangamanenekazi nabangamadoda baza kukhuphisana ngemizimba yabo emihle nezihlunu zabo ezicandekileyo kwitumente ekhula ngendlela encomekayo ekuthiwa yi-O.R.Tambo Night of Champions eza kube ibanjelwe kwiholo laseWalter Sisulu University, eMthatha. Kulindeleke imidlalo iqale ukusukela ngentsimbi yesithathu emalanga ukuya ngentsimbi yeshumi ebusuku. Ngokutsho kwabaququzeleli, emva kwetumente yalo unyaka, indawo yaseMthatha soze iphinde ifane nakuqala ngoba umgangatho uza kuxhoma kakhulu.
Kulindeleke izigantsontso zamadoda namanenekazi eziphambili kwiphondo leMpuma Koloni emdlalweni woosozoso (Bodybuilding), eziphuma kwamanye amaphondo nakwamanye amazwe. Ongekaqondi uza kufumana ithuba lokubukela nokufunda omnye wemidlalo ebeka phambi impilo entle ebantwini. Bona abaqalayo kulo mdlalo baza kushiyeka bekhuthazekile ngoba iNight of Champions iza kubanika ithuba elinqabileyo lokugudlana imihlana noosozoso abasemgangathweni ophezulu kakhulu. “Itumente yethu iza kuba nkulu kulo unyaka,” itshilo ingxelo ethunyelwe kweli phephandaba ngabaququzeleli. Emva kokhuphiswano lonyaka ophelileyo, amanene namanenekazi eMpuma Koloni kufuna ukubuyisa isidima sabo ukuze indawo yabo ihlale isoyikwa.
“Ukusukela kunyaka ophelileyo, imali yetumente iye yakhula yangamakhulu amahlanu amawaka erandi (R500 000) nakubeni imali eza kufunyanwa ziintshatsheli ingaguqukanga. Itumente yethu iyakwazi ngoku ukutsala abantu abasuka kwamanye amaphondo ngenxa yomgangatho wayo ophezulu. Silindele oosozoso abaphuma kumazwe afana neSeychelles, iMozambique, iNamibia, iGhana, eLesotho neZimbabwe. Okunye okuhle kukuba abaphumeleleyo apha baza kufumana ilungelo lokuthatha inxaxheba kwitumente enkulu yoosozoso ekuthiwa yiArnold Classic Africa,” itshilo ingxelo yabaququzeleli. Phakathi koosozoso abaza kuthatha inxaxheba kwi-O.R.Tambo Night of Champions kukho indoda ekuthiwa nguChris Nguta ekhe yamela uMzantsi Afrika kwinqanaba lehlabathi kwiminyaka egqithileyo.