USiya Kolisi ezilolonga neSpringbok phambi kwemidlalo yeCastle Lager Rugby Championship. Umfanekiso: ©Samuel Shivambu/BackpagePix
Uninzi lwabantu luzibuza umbuzo ekunzima ukuwuphendula. Ingaba uSiya Kolisi uyaya na kwitumente yehlabathi? Ayikho impendulo egcweleyo okwangoku - kodwa likhona ithemba. Ekuqaleni kwale veki, uKolisi uxelele abantu baseMzantsi Afrika ukuba uyaphila futhi ulungiselela itumente yehlabathi yombhoxo eza kusingathwa lilizwe laseFrance ekuthambekeni kwalo nyaka. UKolisi wenziwe utyando edolweni kwinyanga kaTshazimpuzi emva kokonzakala kakubi emdlalweni wombhoxo. Ekuqaleni, kwakukho ukuthandabuza ngokwenziwa kwakhe utyando kuba kujongwe ixesha. Kodwa iingcali zoogqirha zathi ayikho enye indlela ngaphandle kotyando. UKolisi uyinxalenye yabadlali baMabhokobhoko abasenkampini ekulungiselelwa kuyo iRugby Championship.
Ibalulekile iRugby Championhip ngoba itshayelela itumente yehlabathi futhi iza kunika AmaBhokobhoko ithuba lokuziva amandla kumazwe amakhulu afana ne’Australia neNew Zealand. Ngenxa yetumente yehlabathi ezayo, ilizwe ngalinye liza kudibana nelinye kanye endaweni yemidlalo emibini. Emva kokuhamba kakuhle kwenkqubo yokumbuyisela kwisimo sakhe, likhona ithemba lokubona uKolisi edlala komnye wemidlalo yeRugby Championship. “Ndonwabile. Ndizama ukubuyela kwisimo ebendikuso ngaphambili,” utshilo uKolisi ekuqaleni kwale veki enkampini yeSpringbok. Abaqeqeshi beqela lesizwe bebesoloko bembandakanya xa abadlali bedibene ezinkampini engekakwazi ukuzilolonga.
“Ndisebenzela ukubuyela kwinto ebendiyiyo phambi kotyando. Okuhle kukuba ndiyenza lo nto enkampini nabanye abadlali abandincedisayo. Akumnandanga ukonzakala - kodwa yinto endiyaziyo ukuba injani. Kuhle ukufumana inkxaso engaka kubaqeqeshi, kubadlali beSpringbok nakwiqela loogqirha elindincedisayo. Inkqubela endiyenzileyo iyancomeka kakhulu futhi ndiyakwazi ukwenza izinto ebendikade ndingakwazi ukuzenza. Ndinethemba elikhulu, mhlawumbi ndingadlala emidlalweni yeRugby Championship ephambi kwetumente yehlabathi,” utshilo uKolisi. UMzantsi Afrika uza kudibana neWallabies emdlalweni weRugby Championhip ngomhla wesibhozo kwinyanga yeKhala, ePitoli.