UClive Barker, owayengumqeqeshi wamaqela ebhola ekhatywayo, akasekho emhlabeni. Umfanekiso: ©Muzi Ntombela/BackpagePix
Amazwi ovelwano angena ngokungena kwikhaya lakwaBarker ukusukela ngempelaveki emva kokuvakala kweendaba ezithi owayengumqeqeshi wamaqela amaninzi neqela lesizwe loMzantsi Afrika, uClive Barker, uye woyisakala wasweleka enamashumi asibhozo anesixhenxe (78) eminyaka. Ukuhamba kwakhe emhlabeni kubikwe likhaya ngoMgqibelo odlulileyo umhla weshumi kwinyanga yeSilimela. Ngokwengxelo yosapho, uBarker ebenethuba elide engaphilanga. “Sifuna ukwenza umbulelo omkhulu kumagosa empilo abemkhathalele kwezi nyanga zintandathu ezigqithileyo. Uyilwile ingulo ngamandla wakhe onke - kodwa kuthe qabu nakuthi ngoku ngoba siyamazi ukuba uphumle endaweni akuyo,” itshilo ingxelo.
“Siyayibulela inkxaso esiyifumene ebantwini ukusukela mhla kwavakala ukuba akaphilanga. Kuye kwacaca kuthi ukuba ngokwenene ebengumntu obethandwa ngabantu abakwezemidlalo,” litshilo ikhaya. UBarker ebengomnye wabaqeqeshi abaphambili ebholeni yaseMzantsi Afrika futhi obethandwa kakhulu ngenxa yemisebenzi yakhe. Waqala ukuzibandakanya nebhola yabantu abamnyama ngeentsuku zobandlululo. Amaqela awaqeqeshileyo aquka AmaZulu, iFynnlands, iPinetown Celtic, iJuventus Durban, iDurban City, iSantos, iManning Rangers, iMaritzburg United, iBidvest Wits, iMpumalanga Black Aces namanye.
Kodwa abalandeli bebhola ekhatywayo bamkhumbula kakhulu ngomsebenzi omkhulu awathi wawenza kuBafana Bafana kwiminyaka embalwa emva kokubuyiselwa koMzantsi Afrika kwimidlalo yamazwe ngamazwe. Wanceda aBafana Bafana ngethuba bephakamisa indebe ye’Afrika (Africa Cup of Nations) ngonyaka ka-1996. Emva koko wasa uMzantsi Afrika kwitumente yehlabathi eyayibanjelwe eFrance ngonyaka ka-1998. Ngelishwa zange aye naBafana Bafana kwitumente yehlabathi yabo yokuqala emva kokugxothwa kwakhe uClive Barker ngabaphathi beSafa.
UMongameli waMaZulu, uMnu. Sandile Zungu, ube ngomnye wabantu bokuqala abathumele amazwi ovelwano kusapho lakwaBarker. AmaZulu lelona qela elidala nelamphakamisayo uBarker emva kokulincedayo lazuza indebe yeCoca Cola ngonyaka ka-1992. “Sithi ngxe kusapho lakwaBarker. Uya kuhlala ekhunjulwa ngenxa yomsebenzi wakhe awenze ebholeni kwizwekazi le’Afrika. Abalandeli bebhola bamhloniphe kakhulu ngokufanayo nam ngenxa yomsebenzi omhle awawenza kuMaZulu,” utshilo uMnu. Zungu.
Naye uMongameli weSafa, uGqirha Danny Jordaan, uye wavakalisa ukukhathazeka kwabo bengumbutho bakuva ngokusweleka kwakhe. “Singumbutho olawula ibhola ekhatywayo eMzantsi Afrika siva kabuhlungu kukuhamba kukaBarker. Ukuphumelela kwaBafana Bafana indebe ye’Afrika (1996 Afcon) engumqeqeshi yeyona nto inkulu eyenzeka embalini yebhola eMzantsi Afrika. Ebesaziwa ngezo ntsuku ngendlela ebebhiyoza ngayo xa iqela lesizwe liphumelele. Likhulu igalelo lakhe ebholeni. Wakha iqela eliluqilima likhokelwa ngooKapteni. Yiyo lo nto bonke abadlali bakhe bathathwa ngamaqela aseYurophu emva kwetumente. UBarker sakuhlala simkhumbula njengomntu obethanda abantu. Sithi makaphumle ngoxolo,” utshilo uMongameli weSafa.