Abadlali beqela laseMpuma Koloni emdlalweni weMotsepe League. Umfanekiso: SPORT IN Our VEINS
Ide yaqala imidlalo yokuxabangela yamaqela adlala kwiABC Motsepe League emva kobunzima. Kuye kwanyanzeleka ukuba iYoung Bafana Soccer Academy ibhenele enkundleni ukuze ifumane indawo yayo kwimidlalo eqhubekayo eMgungundlovu.
Kwabakho isikhalazo esisuka kwiZizwe United esithi iYoung Bafana yasebenzisa abadlali ababini abangabhaliswanga ngendlela efanelekileyo. Kuye kwayiwa enkundleni ngabaphathi neYoung Bafana abasikhabayo isityholo njengento engekhoyo. Omabini amaqela adlala phantsi kweMotsepe League yephondo laseNtshona Koloni.
Kodwa imidlalo yeentshatsheli zamaphondo iye yaqala kakuhle ngoLwesithathu futhi kungenwe kusuku lwesibini ngoLwesithathu ngaphandle kwamagingxigingxi. Iqela laseMpuma Koloni, Amavarara FC, elizama ukunyukela kwiMotsepe Foundation Championship, liqale kakuhle ngokubetha iYoung Bafana ngamagowuli amabini kwelinye emdlalweni kaGroup B obuseHarry Gwala Stadium. Iziphumo ezihle ziwancedile Amavarara ngoba asebenzela ukuya kwisigaba esilandelayo semidlalo yokuxabangela.
Kweminye imidlalo, iziphumo zihambe ngolu hlobo: UMlambo Royal ubethwe ngamagowuli amabini eqandeni yiOrbit TVET College, Umsinga United wothuse umzi ngokubetha iDondol Stars FC ngamagowuli amabini kwelinye. Abantu abaninzi bothukile ngoba iDondol Stars yeyona ibijongiwe ngabantu abaninzi emva kokusokolisa amaqela amakhulu (adlala kwiDStv Premiership) kwiNedbank Cup kwisizini egqithileyo. Kodwa nangona kunjalo, isenokuzilungisa izinto ukuba iqhuba kakuhle emidlalweni elandelayo.
Njengokuba Amavarara esilwela ukuya kumjikelo wokugqibela ongawanika ithuba lokunyuselwa, kunyanzelekile aphumelele omnye umdlalo ukuze abe sendaweni entle nokuba kwenzeka ntoni emidlalweni yamanye amaqela. Amavarara aza kudibana ne-Upington City ngomso emalanga ngentsimbi yesithathu eHarry Gwala Stadium. Noxa imidlalo yokuxabangela inzima - kodwa Amavarara aya ekhuthazekile emdlalweni obalulekileyo ngomso. Ngokwengxelo yeSafa, imidlalo ipapashwa kuFacebook. Ingabonakala kuSABC TV kwisigaba sokugqibela.