UColin Nathan noSivenathi Nontshinga. Umfanekiso: Facebook
Enye yeembethimanqindi eziphambili eMzantsi Afrika, uSivenathi Nontshinga, ithi iza kwenza into engazange ibonwe emlweni wayo ozayo kwinyanga ezayo. UNontshinga ubila esoma eGoli - apho alungiselela khona umlo obaluleke kakhulu aza kudibana kuwo noReggie Suganob wasePhilippines ngomhla weshumi elinesithandathu kwinyanga yeSilimela, eMonti. Ezi mbethimanqindi zimbini ziza kuvana amandla kwintshinga ye-IBF junior flayweight ebanjwe nguNontshinga emva kokuba wayiphumelela kunyaka ophelileyo.
Ngenxa yokubaluleka komlo kuNontshinga, uye wagqiba kwelokuba aye esitalini sikaColin Nathan oncediswa ngutata wakhe uMnu. uThembani Gopheni. Yinqwaba yeembethimanqindi athelekiswa nazo uNontshinga ejimini ngoba ulolelwa umhla omkhulu womlo ukuze akwazi ukumelana noSuganob oqulunqa igumgedlela lokumphuca intshinga yakhe. UNontshinga wabuya nodumo kunyaka ophelileyo emva kokubetha uHector Flores ngamanqaku eMexico. Lowo ngumlo uNontshinga awaye wazuza ngawo iwonga elikhulu.
“Ndizimisele ukubonisa abantu umlo abangazange bawubone,” utshilo uNontshinga ethetha noonondaba kutshanje eGoli. “Ndimhloniphile uReggie njengezinye iimbethimanqindi - kodwa lifikile ixesha lokuba ndiqaqambe. Ndizimisele ukubonisa abantu umlo abangasoze bawulibale. Ndicinga ukuba ndiyimbethimanqindi engekafiki kwindawo eyifaneleyo. Abantu mabaphume ngobunzini bazo kubukela uNontshinga esenza into ekhethekileyo,” utshilo uNontshinga.
Umlo wakhe uququzelelwa yinkampani yabathelekisi aphantsi kwayo, iRumble Africa Boxing Promotions. Ikhethe ukuzisa umlo kaNontshinga kufutshane nabalandeli bakhe eMonti ngoba kunyanzelekile ayikhusele intshinga yakhe. Kufuneka azimisele uNontshinga ngoba uza kudibana noReggie olichule kakhulu emanqindini. Emidlalweni elishumi elinesithathu, uReggie uyiphumelele yonke, amadoda amane kulawo, wawabeka phantsi abala iinkwenkwezi imijikelo ingekapheli. Nayo indedeba yasePhilippines iza eMzantsi Afrika izingela impumelelo eza kuyibeka endaweni entle kumanqwanqwa ehlabathi.