UMnu. Sandile Zungu nguMongameli waMaZulu. Umfanekiso: ©Gerhard Duraan/BackpagePix
Njengokuba kuvalwe isizini, amaqela adlala kwiDStv Premiership, ngokwahlukana kwawo, akhangela abadlali abatsha ekwakhulula abanye abadlali kwangaxeshanye. AmaZulu aqale amalungiselelo esizini ezayo ngokukhulula imfumba yabadlali abalishumi ekuqaleni kwale veki. Inani labadlali abahambayo liqinisekiswe nguMongameli weqela, uMnu. Sandile Zulu, xeshikweni ethetha neentatheli namhlanje emini. Ukukhululwa kwabadlali abaninzi akothusanga ngoba AmaZulu akaqhubanga kakuhle konke konke kwisizini egqithileyo.
Oku kuvunywe nanguye uMnu. Zungu ocacise unobangela wokwenza iinguqu ezininzi nezothusayo eqeleni lakhe. AmaZulu avale isizini ekwindawo yeshumi elinambini, ngaphandle kweTop 8 abesoloko engaphakathi kuyo kwiminyaka egqithileyo. URomain Folz ulahlile njengomlawuli wabaqeqeshi. Kanti uAyanda Dlamini, owangena endaweni kaFolz, umnkile naye emva kokungakwazi ukwanelisa umnikazi weqela emidlalweni ayiqeqeshileyo kwisizini egqithileyo.
Ngaphandle kwabaqeqeshi ababini abamkileyo, AmaZulu akhulule ishumi elinanye lonke labadlali - kodwa uMnu. Zungu akavumanga ukukhankanya amagama wabo. “Sikhulule abadlali abalishumi elinanye. Isigqibo sethu bayasazi ngoba sithethile nabaphathi babo. Asililo ke iqela elohlwaya abantu. Yiyo lo nto singazukufunda magama wabadlali abahambayo. Kufuneka sikhusele isidima sabo - kodwa igama lomdlali endingakhankanya igama lakhe nguLehlohonolo Majoro,” utshilo uZungu, watsho ebulela igalelo alenzileyo kwiqela lakhe.
Nangona uMajoro ekhululwe - kodwa AmaZulu athe indawo yakhe iya kuhlala ikhona emva kokudlala kwakhe ibhola. “Ndimxelele uMajoro ukuba nangoba siphelile isivumelwano sakhe sengqesho - kodwa ndifuna abuye azokusebenzela AmaZulu ngoba ungumdlali ongumzekelo omhle kwabasakhulayo,” utshilo uZungu. Phakathi kwabadlali ekucingeleka ukuba basendleleni kukho uQalinge, uMotwa noMhango. Umdlali ekulindeleke ukuba atyikitywe ngaMaZulu nguCelimpilo Ngema obekade engumdlali weMarumo Gallants ethotyiselweyo ekupheleni kwesizini.