UJose Riveiro ngumqeqeshi we’Orlando Pirates. Umfanekiso: ©Muzi Ntombela/BackpagePix
Umqeqeshi we’Orlando Pirates, uJose Riveiro, ubeke iliso lakhe kwiCAF Champions League nangona iqela lakhe lingakwazanga ukufumana amanqaku apheleleyo emdlalweni ogqithileyo. Ezimnyama zibambene neSekhukhune United ngegowuli elinye macala emdlalweni obuse’Orlando Stadium kwiveki ephelileyo. Ikhokele iPirates emdlalweni ngegowuli elifakwe nguTerrence Dvukamanja kwisigaba sokuqala - kodwa iye yaphendula iSekhukhune United ngegowuli elifakwe nguEdwin Gymah kwisigaba sesibini. Impumelelo ibiza kuyinceda iPirates ibhekele kwiSuperSport United nayo elwela indawo yesibini. URiveiro uthe ebengalindelanga umdlalo onzima kwiSekhukhune - kodwa akubanga njengokuba ebecinga.
“Umdlalo ubunzima kakhulu. Thina besingalindelanga ukusokoliswa yiSekhukhune ngendlela eyenze ngayo,” utshilo uRiveiro emva komdlalo. La maqela mabini afana nokuba ebetshayelela umdlalo omkhulu weNedbank Cup aseza kuwudlala ekupheleni kwale nyanga kaCanzibe. “Sizamile ukudlala ngendlela yethu emdlalweni - kodwa ke amaqela eza kuthi ezimisele ukuhlala emva ukuze angaphulukani nemidlalo. Lo nto ithi ibe nefuthe kwiziphumo zomdlalo. Idlale ngendlela eyahlukileyo iSekhukhune, sizamile ukuyilinda ide yenze iimpazamo sade salifumana kwisigaba sokuqala. Bekunganelanga ngoba siye sayinika ithuba lokudlala emhlabeni wethu. Ngenxa yalo nto, iye yafumana igowuli,” utshilo umqeqeshi emva komdlalo.
Ngoku iPirates indwendwela AmaZulu emdlalweni weDStv Premiership wokugqibela eMoses Mabhida Stadium inethemba lokuzuza amanqaku aza kuyiwezela kwiCAF Champions League. “Ndingalungiswa - kodwa ndicinga ukuba kusesezandleni zethu ukufumana indawo yesibini. Siya eThekwini sinenjongo yokuphumelela umdlalo ukuze kwenzeke le nto esiyifunayo. Ndiyathemba ukuba abalandeli bePirates baza kuyigcwalisa iMoses Mabhoda Stadium,” utshilo uRiveiro. IPirates neSuperSport ekwindawo yesithathu ziyalingana ngamanqaku - kodwa umahluko ngamagowuli awafakileyo amaqela omabini. Yonke imidlalo yeDStv Premiership eshiyekileyo iza kudlalwa ngoMgqibelo emalanga ngaphandle kweSundowns neMaritzburg ezigqibileyo.