UYanga Malusi yimbaleki yemigama emide yakuGatyane kwiphondo leMpuma Koloni. Umfanekiso: Uthunyelwe
Kwiiveki ezidlulileyo, uYanga Malusi, uphinde washiya inyambalala yeembaleni kwiBuffalo City Marathon. Le ndedeba yakuGatyane ishiye iimbaleki zizizigede emva kwayo kumgama ongamashumi amabini ananye eekhilomitha. Abantu abamaziyo nabamlandelayo, abothuswanga ngumsebenzi owenziwe nguMalusi ngoba yimbaleki ezimiseleyo kakhulu. Ukuphumelela kwiBuffalo City Marathon yinto enkulu ngoba iyamkhuthaza - kodwa ibingeyiyo into ebalulekileyo kuye. Uye wazijula kuyo ngoba abaphathi becandelo leembaleki bathe ukuze akwazi ukuya kwiSA Champs - kubalulekile ukubaleka kwiBuffalo City Marathon.
“Ukuphumelela kodwa kundichulumancisile noxa ukubaleka iBuffalo City Half Marathona ibingasinto ibikwizicwangciso zam,” utshilo uMalusi encokola neli phephandaba. “Ingqondo yam ndiyibeke kwiSA Champs esekuqaleni kwinyanga ezayo. Kodwa kuye kwanyanzeleke apha kwiBuffalo City Marathon ngoba kuthiwe ukuze ndibe kwiqela eliya kwiSA Champs eziza kube ziseGqeberha, kufuneka ndiqale kuyo. Kumnandi ukuphumelela ngoba uthi ukuze uzibone ukuba uyakhula uphumelele ugqatso olufana nolu ndisuka kulo,” utshilo uMalusi othethe neli phephandaba esendleni eya eKapa kwiphondo laseNtshona Koloni.
Kwiminyaka embalwa edlulileyo, uMalusi ebegqugqisa emidyarherni emincinane kwiindawo ezifana neGcuwa - kodwa ngoku ubaleka nooxholovane baseMzantsi Afrika. “Iyabonakala inkqubela ngoba ngoku ndithatha inxaxheba emidyarhweni emikhulu. Andiyiyo imbaleki efana nezinye, ngoku ndiyamenywa xa abaququzeleli bomdyarho bendifuna. EKapa ndimenyiwe ngoba ndingomnye weembaleki ezibaleka ngesantya esiphezulu apha eMzantsi Afrika. Bendikhe ndabaleka kakuhle kwitumente yeembaleki ebiseKapa kutshanje,” utshilo uMalusi oqhube kakuhle kakhulu emidyarhweni yeembaleki ebezisingathwe kwiindawo ezahlukeneyo kweli lizwe.