Ezemidlalo

INtlaza ephumelele indebe ikhala ngenkxaso enqabileyo eLibode!

Pedro Mapelo|Published

Amaqela ombhoxo edlala kwitumente ebiseNtlaza iququzelelwe yiNyandeni Municipality. Umfanekiso: Uthunyelwe

Amaqela ombhoxo edlala kwitumente ebiseNtlaza iququzelelwe yiNyandeni Municipality. Umfanekiso: Uthunyelwe

Kwiindawo ezihlala abantu abamnyama, ibhola ekhatywayo ifana nento edaliweyo ngoba yinto esoloko ikhona. Enyanisweni neminye imidlalo ingaphila njengayo ngoba bakhona abantu abanomdla kuyo, qha ingxaki kukuba akukho ndawo zokudlalela nabantu abanokuyifundisa bhethele. Nangona idolophi yaseLibode iyindawo ekudlalwa kuyo ibhola ekhatywayo kakhulu - kodwa umbhoxo uyaphila. Lo nto ibonakele ngokukhula kweNtlaza Rugby Club ebikhe yathatha inxaxheba kwitumente enkulu yombhoxo kwiphondo leMpuma Koloni ekuthiwa yiEastern Cape Super 14 evale isizini yayo kwinyanga ephelileyo.

Ngenxa yaloo migudu eyenziwa lulutsha lwaseMampondweni emdlalweni wombhoxo, umasipala waseNyandeni ubone kufanelekile ukuba makasingathe itumente yombhoxo ngexesha lePasika ukuze iNtlaza imeme amanye amaqela kudlalwe imini yonke. Ngamaqela ombhoxo asibhozo athathe inxaxheba kwitumente ebiququzelelwe ngumasipala ebambisene neNtlaza Rugby Club eliqela lasekuhlaleni eLibode.

Embhoxweni wamanenekazi, iWalter Sisulu ibethwe nguMqanduli Sharks ngo’21-9 yagoduka nemali elishumi elinesibini lamawaka erandi. Yona iWalter Sisulu University ixoliswe ngamawaka asixhenxe erandi. Kanti emadodeni, iNtlaza ivuthulule uMthatha Old Boys ngo’29-9 emdlalweni wamagqibelakankqoyi. Emva koko, iNtlaza Rugby Club ifumene imali engamawaka angamashumi amabini anesihlanu erandi.

UMthatha Old Boys ufumene ishumi elinesihlanu lamawaka erandi yaze yona iWalter Sisulu University yagoduka iphethe ishumi lamawaka erandi. ULucas Mngwevu weNtlaza ukhale kakhulu ngenkxaso engekhoyo kwicala lezoshishino eLibode xa kukho iitemente ezifana nale yombhoxo ebingempelaveki. “Incinci kakhulu inkxaso esiyifumanayo. Enye into eyingxaki kule ndawo yethu kukungabikho kweendawo zakulala xa kukho itumente. Abadlali bamaqela asindwendweleyo siye siwacelele emizini ngoba nesikolo esasisisebenzisa samoshwa. Yona itumente ihambe kakuhle futhi nabadlali bawudlale umbhoxo bonela,” utshilo uMngwevu.