Zithe xibilili izibilini oko amagosa weMarumo Gallants ebuyele ekhaya ekuqaleni kwale veki emva kokuthinjwa iiveki ezintathu zonke eLibya. URufus Matsena noTebogo Amos Dhlomo bagaleleke ngoMvulo kwisikhululo seenqwelomoya sase-O.R.Tambo, eKempton Park, eGauteng, emva kokuthinjwa iiveki ezintathu ngusomashishini waseLibya. La madoda mabini ashiyeka kwihotele yaseBenghazi - apho iMarumo Gallants yayihleli khona ngethuba iyokudlala umdlalo wayo weCAF Confederation Cup ne-Al Akhdar ngomhla weshumi elinethoba kwinyanga yoKwindla.
Ingxelo ithi kwanyanzeleka kushiyeke abantu ngenxa yemali ebalelwa kwiR680 000 ($37 000) engazange ibhataleke ifunwa ngumnikazi wehotele. Oku kwenzeka emva kokucaca kokuba iMarumo Gallants yacela ukuncedwa ngumnini wehotele kwizinto ezifana nekiti namalungiselelo okuhamba eLibya. Emva kweeveki eziliqela bexinge eLibya, bade babuyela ekhaya emva kongenelelo lukaRhulumente woMzantsi Afrika. UMatsena uxelele iintatheli ukuba bashiyeka eLibya kuba babezama ukulungisa izinto bengazi ukuba zakutsala iiveki ezintathu zonke.
“Ngokwesicwangciso sethu, sasisithi yonke into iza kube igqityiwe kwiintsuku ezintathu. Kuye kwanyanzeleka usihlalo (weMarumo Gallants) asithumelele imali ebekufuneka sihambe siyokuyitshintsha ukuze ibe ziidola. Sakwazi ukuyisombulula imali yokuhlala ehotele, ingxaki yaba yimali yamatikiti enqwelomoya engazange icace kakuhle. Ixabiso lamatikiti zange lacaca kakuhle kwa sekuqaleni,” utshilo yMatsena ebalisela iintatheli eKempton Park.
Into eyabangela ihotele idibane nomba wamatikitiki kukuba kwakunzima ukufumana amatikitiki eenqwelomoya eBenghazi ngenxa yeholide. “Into eyasothusayo kukuba uMnu. Ali Elzargha wehotele wathatha iincwadi zethu zokundwendwela (Passports). Into esiyiqhelileyo ezihotelele kukuba yenza ikopi yesazisi sakho isibuyisele kuwe. Sothuka xa singazinikwa ezethu. Sasicinga ukuba uza kubiza imali enye yezinto zonke - kodwa zange kube njalo,” utshilo uMatsena.
Njengokuba umnikazi wehotele wayethe bahleli kakuhle - uMatsena uthe bekunzima kakhulu kubo. “Ewe, besihlala ehotele - kodwa besingenayo inkululeko phaya. Iyodwa nje lo nto ibingasiphethanga kakuhle. Kuphele iintsuku ezilithoba phaya singabazi ubuthongo. Besisitya kakuhle xa kuthande bona ehotele - kodwa amaxesha amaninzi besisitya kube kanye ngosuku,” Matsena. Ngethamsanqa, iMarumo Gallants isaqhubela phambili nokudlala kwiCAF Conferation Cup emva kokuphumelela ekhaya emva kwesiganeko saseLibya.