UKeagan Dolly emdlalweni weDStv Premiership obuphakathi kweKaizer Chiefs neStellenbosch FC emdlalweni obuseFNB Stadium. Umfanekiso: ©Gavin Barker/BackpagePix
Ukubangisana kwamaqela amathathu ngendawo yesibini kwiDStv Premiership kuthathe olunye unyawo namhlanje emva kokuphumelela kweKaizer Chiefs ne’Orlando Pirates ezibethele iRichards Bay ngamagowuli amabini eqandeni eKing Zwelithini Stadium. Aphumelele Amakhosi kwakhona abethe iStellenbosch FC ngamagowuli amabini kwelinye emdlalweni obushushu ngeyona ndlela eFNB Stadium ngorhatya lwanamhlanje. Bekunyanzelekile iChiefs ifumane amanqaku amathathu emdlalweni wanamhlanje emva kokuphumelela kwePirates. Ngelishwa layo iSuperSport United, idlale ntanganye neChippa United emdlalweni obuseGqeberha.
Lo nto ithetha ukuthi Amatsatsantsa, iBucs neChiefs zinamanqaku alinganayo. Igowuli lokuqala lifakwe nguAshley Du Preez obewiswe ebhokisini yakhonjwa echaphazeni ngusompempe. UDu Preez uyifake ngokwake ipenela kwiqela athengwe kulo phambi kokuqala kwesizini eqhubekayo. Unozinti weStellies, uSage Stephens ubambe ibhola engaphandle komhlaba wakhe. Ngoko nangoko, usompemphe umnike ikhadi elibomvu ngoba unqande ibhola kaKeagan Dolly isiya emnatheni. Emzuzwini wamashumi amabini anesihlanu, uDolly ubhakuzelise umnatha yatsho yakhokela ngamagowuli amabini eqandeni iChiefs.
Kuyiwe kwixesha lokuphumla Amakhosi ezihambela ngoba ebedlala neqela elingaphelelanga. Ziguqukile izinto kwisigaba sesibini. Iqela laseKapa libuye linamandla futhi likhangela amagowuli. Emzuzwini wamashumi amabini ananye, u-Ibraheem Jabaar, ufake igowuli leStellenbosch FC. Nangona iChiefs ibihamba phambili - kodwa iye yaphathwa mbengwana liqela laseKapa ebelisilwela ukugoduka nenqaku elinye okungenani. Amakhosi ebenawo amathuba okufaka amanye amagowuli emdlalweni angakwazanga ukuwasebenzisa. Lo nto uyikhalele kakhulu uAuthor Zwane emva komdlalo - kodwa wazamkela iziphumo zomdlalo. Yena uSteve Barker ugxeke usompempe athe ulicinezele iqela lakhe emdlalweni.