Ezemidlalo

UHugo Broos uqinisekile ngempumelelo yaBafana Bafana ngomso ngorhatya

Pedro Mapelo|Published

UHugo Broos ngumqeqeshi weqela lesizwe loMzantsi Afrika. Umfanekiso: ©Muzi Ntombela/BackpagePix

UHugo Broos ngumqeqeshi weqela lesizwe loMzantsi Afrika. Umfanekiso: ©Muzi Ntombela/BackpagePix

Akukho hlathi lakuzimela, uMzantsi Afrika kufuneka udlalele ukuphumelela xa udibana neLiberia. La mazwe mabini aza kuswantsulisana emdlalweni ohlakulela iAfrica Cup of Nations (Afcon) ngentsimbi yesithandathu ngorhatya ngomso e’Orlando Stadium. ABafana Bafana baya emdlalweni bephantsi koxinizelelo emva kokubethwa ngamagowuli amabini eqandeni yiMorocco kunyaka ophelileyo. Nangona kunokwenzeka bangafumani bunzima kakhulu - kodwa uHugo Broos unexhala leLiberia eneenyanga eziliqela ilungiselela umdlalo wangomso. “Sijongene nemidlalo emibini ebalulekileyo. Iinzame ezenziwe yiLiberia kwezi nyanga ezidlulileyo zibonisa iqela elizimiseleyo kakhulu,” utshilo uBroos ethetha neentatheli ekuqaleni kwale veki eFNB Stadium.

Iingxelo zithi abadlali beLiberia bathenjiswe ngeebhonasi ezinkulu ngelizama ukubahlupheza ukuze babethe aBafana Bafana. Phantse zonke iziqwayi zayo iLiberia ezidlala eYurophu zikhona. “Ikwazile ukulungisa iSamuel Kanyon Doe Stadium ngendlela ekufunwa ngayo nguFifa emva kokudlalela umdlalo wayo wokuqala eMorocco kunyaka ophelileyo. Abadlali beLiberia babuyile kwakhona kwaye kuthiwa bathenjiswe ngemali eninzi ukuze bagqithele kwisigaba esilandelayo. Lo nto ithetha ukuthi siza kudibana neqela elikhuthazekileyo. Akufuneki silidelele nakancinci ngoba iya kuba yimpazamo enkulu leyo. Sinabadlali abasemgangathweni ophezulu (kunayo iLiberia) - kodwa ayithi lo nto siza kuzihambela nje kuyo, yinto nje engasinceda emdlalweni,” utshilo uBroos.

Emva kokusikwa kweZimbabwe, ngoku kushiyeke amaqela amathathu kuGroup K. Mabini aza kuya kwisigaba esilandelayo. “Sizithembile kakhulu emva kokudlala imidlalo yokucweya ekupheleni kuka-2022. Into emnandi kukuba onke amaqela kufuneka asebenze kuGroup K. Kuhle ngoba sinabadlali abakufunayo ukuba kwiqela lesizwe,” utshilo uBroos oza kuthembela kubadlali abafana noPercy Tau, uMihlali Mayambela noBongokuhle Hlongwane emva kokungafumaneki kukaNjabulo Blom kwiqela lakhe laseMelika. Umqeqeshi ubancomile nabadlali beMamelodi Sundowns abafike kwangoko enkampini nakubeni bebenomdlalo obuseSudan ngempelaveki egqithileyo. UBroos unethemba lokuza iqela lakhe kwiAfcon emva kokuwa phantsi kunyaka ophelileyo.